Ramaphosa: ‘Nam futhi ndiyakuthanda Noxolo Grootboom’

UMONGAMELI Cyril Ramaphosa wothulele umnqwazi igqala kufundo lweendaba zesiXhosa kumabonakude, uNoxolo Grootboom, ofunde iindaba zesiXhosa okokugqibela kwiSABC 1 ngokuhlwa kwangoLwesibini.

UGrootboom, osebenzele lo msasazeli woluntu iminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe, uthabatha umhlalaphantsi.

Iqela leOfisi kaMongameli belibhale ukuba intetho kaRamaphosa yokwazisa isizwe malunga nokuza kulandelwa ngePasika mayelana neCovid-19 iza kwenziwa ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa kwangoLwesibini, kodwa isankwe sabantu abebelindele ukubukela uGrootboom, sinyanzele ukuba uRamaphosa atshintshe ixesha lokuthetha nesizwe, ze walibazisa de yalicala emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa kwangoLwesibini.

UMongameli Cyril Ramaphosa UMFANEKISO: GCIS

“Sigqibe kwelokuba siyilibazise le ntetho yesizwe ngesiqingatha seyure ngenxa yokuba igqala kwezosasazo eMzantsi Afrika, uNksk Noxolo Grootboom, ebefunda iindaba okokugqibela ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa nje kwiSABC News.

“Abantu abaninzi bebefuna ukubukela efunda iindaba okokugqibela, bacela ukuba silibazise ukuze bambukele. Ndimothulela umnqwazi uNksk Grootboom njengonondaba obegqwesile, nozise imisitho yembali kwizindlu zethu ngethuba leminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (esebenza kwaSABC),” utshilo uRamaphosa.

UMongameli umnqwenelele okuhle kumhlalaphantsi wakhe lo kaGrootboom. “Kwaye siyambulela ngenkonzo entle kunene ayenzileyo. Sifuna ukuthi uphumle kamnandi uhlale uyazi ukuba abantu abaninzi bayakuthanda, nam futhi ndiyakuthanda,” utshilo uRamaphosa.