USisanda Magala ufumana ithuba lokuziqaqambisa kwiProteas eneminyaka eyi-30

USisanda Magala waseTinarha uza kudlalela uMzantsi Afrika okokuqala enamashumi amathathu eminyaka. Umfanekiso: Cricket South Africa

Amaciko athi: “Umzingisi akanashwa”, Xa esitsho sube engathethi into engekhoyo. Sube esithi lowo ufuna into ebomini bakhe makazame futhi abe nomonde. Kulindeleke onganyelwe yimincili umdlali weqakamba, uSisanda Magala, xa edlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika (Proteas) okokuqala eneminyaka engamashumi amathathu. Oku kuza kwenzeka emva kokuba uMagala, 30, ethe wachongwa ukuze abe yinxalenye yabadlali beProteas abaza kuqubisana nelizwe lasePakistan. UMzantsi Afrika uza kudibana nePakistan emidlalweni yosuku olunye emithathu eza kudlalelwa eGoli naseCenturion kufuphi nasePitoli ukusukela ngomhla wesibini ukuya ngomhla wesixhenxe kuTshazimpuzi.

Nangona elifumene sele ekhulule ithuba lokumela ilizwe lakhe – kodwa uMagala waseTinarha ulamkele ngovuyo olukhulu. “Ndilivuyela kakhulu ithuba endilifumeneyo,” utshilo uMagala. Lo mdlali odume ngokugibisela ibhola yeqakamba wayedlalela iqela laseGqeberha ekuthiwa yiMadibaz phambi kokuya kwiLions, eGoli. Ufunde eNelson Mandela Bay University apho aqaqambise khona igama lakhe njengomdlali weqakamba. Ukudlalela iProteas ukubona njengethuba lokuzibonakalisa emidlalweni yehlabathi.

“Lithuba elihle eli lokuvavanya isakhono sam kwiqonga lehlabathi. Ngumqobo lo ekufuneka ndiwoyisile ebomini bam,” utshilo uMagala, onamava awafumene kwimidlalo yeT20 edlalela iLions. “Iqela endilidlalelayo linabadlali abanamava kakhulu. Siyakhuphisana, ngokwenza njalo ndikwazile ukuphucula indlela endidlala ngayo. UMalusi Siboto uyilolile indlela endidlala ngayo ebaleni kwaye ndiyambulela ngalo nto,” utshilo uMagala. Njengokuba eza kujongana nePakistan, uMagala uthi akukho nto aza kuyitshintsha emdlalweni wakhe.

“Ngeentsuku zam eMuir College nakwiMadibaz, ndafumana uncedo kakhulu. Engqondweni yam kusekho iinkumbulo siphumelela iitumente phantsi kwesandla sikaMnu. Grant Morgan. Into efunekayo ngoku kukuzivavanya kwelinye inqanaba. Ndiyayazi indlela endidlala ngayo. Akukho nto endiza kuyitshintsha xa sidibene nePakistan. Ndiyayazi iqakamba endifuna ukuyidlala,” utshilo uMagala, okhe wadlalela iEastern Province neWarriors.