IChiefs iza kuzifumana iindebe, utsho uGavin Hunt

UGavin Hunt ngumqeqeshi weKaizer. Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Nangona embalwa amathuba okuphumelela iindebe kule isizini, uMnu. Gavin Hunt uvaleke eqenisekile ukuba iKaizer Chiefs iza kuzifumana – kodwa kwisizini ezayo aceba ukuthenga abadlali abatsha phambi kokuqala kwayo. UHunt ukuthethe oku emva kokuba iChiefs idlale ntanganye ngo’2-2 neHoroya Athletic Club emdlalweni weCAF Champions League obuseGuinea.

Iziphumo azifumeneyo Amakhosi ziwanike ithuba lokuqala lokungena kumaqela asibhozo kwiCAF Champions League. Oko kuthethe ukuthi ilizwe loMzantsi Afrika liza kumelwa yiChiefs neMamelodi Sundowns. Njengokuba iChiefs ingumabil’ibanda kwiDStv Premiership, uHunt unethemba lokuba abadlali bakhe balolekile yindlela abadlale kakuhle ngayo eGuinea kwiveki ephelileyo.

“Ndisoloko ndisitsho ukuba iqela landiqeshela ukuphumelela iindebe. Iza kuzifumana iChiefs iindebe. Into edingekayo kukuqwalasela iqela sibuyisele netshisakalo ebadlalini,” utshilo uHunt emva kokwenza eyona nto ibalulekileyo ukusukela oko wafika eNaturena. Amakhosi aziwa ngokuthatha iindebe – kodwa sele efince iminyaka emihlanu ngaphandle kwendebe ngoku. Kunyaka ophelileyo phantsi kuka-

Ernst Middendorp abhukuqwe yiSundowns ngomhla wokugqibela. Lo nto yashiya abalandeli bengonwabanga. “IChiefs yaphantse yaphumelela indebe yePSL kwisizini egqithileyo. Kufuneka silwele iindebe kwakhona. Abadlali abatsha ngabona baza kwenza umahluko. Ukuba sihlale simanyene, impumelelo siza kuyifumana. Kufuneka sibe nomonde ngoba ayenzeki ngokukhawuleza,” utshilo uHunt.

Amakhosi aza kulwela ukuphumelela xa edibana neBaroka FC namhlanje ngo-15:00 emdlalweni weDStv Premiership ukuze azame ukuze akwazi ukufumana indawo kwiTop 8. “Umdlalo uza kuba nzima xa sidibana neBaroka ngoba ukudlala kwiPSL kwahlukile kwiChampions League,” utshilo uHunt. Kunyanzelekile iphumelele nayo iBaroka ngoba isecicini lokuthotyiselwa kwiGlaAfrica Championship xa kuphela isizini ukuba izinto aziguquki.