UYanga Malusi ugxeleshe iSA Marathon Championship!

UYanga Malusi yimbaleki yemigama emide ezalelwe eDutywa kwiphondo leMpuma Koloni. Umfanekiso: Uthunyelwe

Imbaleki yaseDutywa, uYanga Malusi, ikwamkele ukushiywa kwayo nguMelikhaya Frans – kodwa ithi ijonge ukwenza ngcono kwiSA Champs. UMalusi, 24, ubambe indawo yesibini emva kuka Frans emdyarhweni weembaleki obunekhilomitha ezilishumi (10km) ekuthiwa yiSt Albans Correctional Services obuseGqeberha kwimpelaveki egqithileyo. Le mbaleki yaseDutywa iye emdyarhweni weembaleki ingacingi ngoFrans, koko iye incwase ukubaleka umgama obubekiwe ngexesha ebiziqingqele lona.

“Andonelisekanga yindlela endibaleke ngayo. Undibethile yena uMelikhaya Frans – kodwa andenzanga ngendlela ebilindelekile. Mhlawumbi ndibethwe yile nto yeKhorona. Xa uzilolonga uye ucinge ukuba konke kulungile, izinto zingahambi kakuhle ngomhla wogqatso,” utshilo uMalusi.

UMalusi yimbaleki egqugqise ixesha elide eMquma nakwiindawo eziwungqongileyo. Ngoku ubaleka nooxholovane ngoba ufuna ukukhula njengembaleki. Ukushiywa nguFrans ukuvumile – kodwa wathi akufuneki ithathe ixesha elide lo nto. “Akundikhathazi ukushiywa nguFrans ngoba uyimbaleki ephezulu kakhulu. Mna ndiqhathwe ngumzimba wam. Ndiye eGqeberha ndinethemba lokubaleka ishumi leekhilomitha (10km) emizuzwini engamashumi amabini anethoba.

Ngoku ndiphoxekile ngoba imizuzu endiyibalekileyo ngamashumi amathathu. Ukubaleka nabantu abafana noFrans kundichulumancisile ngoba nam nditsho ndazibona ukuba umgangatho wam uyenyuka. Nangona nje esandibetha uFrans – kodwa akufuneki iminyaka ibe mininzi endibetha,” utsilo uMalusi.

Nangona ephoxekile, ngoku uMalusi ufuna ukunyusa igiya yakhe xa ebaleka iSA Champs kwinyanga ezayo. “Kulo nyaka ndifuna ukubaleka ishumi leekholomitha (10km) emizuzwini engamashumi amabini anesibhozo. Kwinyanga ezayo, ndiphindela eGqeberha – apho ndizimisele ukwenza ixesha endiziqingqele lona ngoba lilo eliza kundivulela amathuba okubaleka emidyarhweni yamazwe ngamazwe. Yandibetha iKhorona, yafika xa kanye umgangatho wam uphezulu,” utshilo uMalusi.