UHoseya Jubase ufuna abadlali besizwe baphume eMthatha

Jubas Youth Academy ephantsi kukaHoseya Jubase. Umfanekiso: Uthunyelwe.

UHoseya Jubase wonwabe kakhulu emva kokuba iqela lakhe lifumene izipho kulo nyaka. Ngonyaka ka-2019, uJubase waqala iJubase Youth Academy – apho asuka italente yabantwana abangamantombazana abanomdla ebholeni ekhatywayo. Le ntatheli yakuQumbu yasungula indawo eza kunceda ulutsha kuba ihambonzima iyinto eyphuncuka kuyo ngokuncedwa ngabanye abantu.

“Njengomntu weendaba, ndachukunyiswa kukubona amantombazana amancinane engamaxhoba empathombi ngeendlela ezahlukeneyo. Ndaqonda ukuba makubekho into endiyenzayo ngoba nam ndiphuma ekhayeni elingenazinto,” utshilo uJubase. Kwiqela lakhe kukho amantombazana angamashumi amabini aneminyaka eqala kwishumi elinanye ukuya kumashumi amabini anesihlanu. Onke aphuma kwiindawo eziphantsi kwe-O.R.Tambo Municipality.

UJabase uzithengile izinto zokudlala ngemali yakhe ekuqaleni – kodwa wabe ekudinga ukuncediswa ngenxa yomthwalo omkhulu. Uyancoma kakhulu emva kokuphiwa iikiti ngamalungisa. “Ekuqaleni, izinto zokudlala ndazithenga ngokwam kuba ndandifuna yonke into ibe semgangathweni,” utshilo uJubase.

“Ndandifuna wonke umntu afane nomnye futhi angacaci nophuma kwikhaya elihluphekayo. Kwathi gqi uMnu. Henry Feng nomfazi wakhe uMarisa bangaph’ eGauteng basincedisa. Babona le nto siyenzayo kumakhasi onxibelelwayo. UMnu. Feng wathi urhalela ukufaka isandla watsho esithengela ikiti epheleleyo. Kwalandela inkampani yokungcakazo, iHollywoodbets, eyasipha ikiti emva kokwenza isicelo,” utshilo uJubase.

Zonke ezi nquleqhu, uzenza kuba efuna bonke abantwana balingane balibale okomzuzwana nangeengxaki zobom.

UJubase uthi akusafani nakuqala ngoba abadlali babengenazo izinto zokuzilolonga. “Ndabetha epokothweni kum ngoba nabo abantu baancama izinto ukuze nam ndiphile. Andikwazi ukutya kamnandi ndibe ndisazi ukuba kukho umntana osokolayo. Ibhola asinto yamadoda kupela.

“Sifuna ukubonisa ukuba amantombazana angaphumelela ebomini ngenxa yebhola. Ndilibhalisike iqela kuSafa apha e-O.R.Tambo ndazibhatala neendleko. Kwiminyaka ezayo, sifuna ukubona abadlali bethu kwiSasol League nakwiBanyana Banyana,” utshilo uJubase.