Aza kutyelela kwaSirayeli amafama akwaGompo

Kwiinzame zokuqinisa iinkqubo zawo zokulima nokufuya, amafama aphantsi kombutho iGompo Farmers Association alungiselela utyelelo lawo kwelakwaSirayeli.

USihlalo weGompo Farmers Association, uKhayalethu Witbooi uthethe oku ngethuba kumiselwa ngokusesikweni iGompo Farmers Association eGreenfields eMonti.

“Kudala zikhona iinjongo zokutyelela kwela lizwe. Emva kokuba sathi sasungula ubuhlobo kunye norhulumente wakwaSirayeli, ela lizwe liqhuba kakuhle kakhulu kwezolimo kwihlabathi,” kutsho uWitbooi.

URhulumente waseCiskei phantsi kukaLennox Sebe, wasungula ubuhlobo nelizwe lakwaSirayeli kwimihla yakudala.

“IGompo Farmers Association iza kuqalisa ukuvula iingcango ukuze amafama asakhulayo akwazi ukufumana ulwazi olubanzi ngokulima nokufuya, ukuze akwazi ukukhula kumsebenzi wawo,” kucacisa uWitbooi.

Ngethuba umiselwa lo mbutho kwiHolo loLuntu iGreenfields eMonti, amafama akwaGompo anikwe ithuba lokubonakalisa iimveliso zawo.

Abafama abasakhulayo babe yinkxalenye yokusekwa kwe farmers Association eGreenfields eMonti. Umfanekiso: BHEKI RADEBE
Abafama abasakhulayo babe yinkxalenye yokusekwa kwe farmers Association eGreenfields eMonti. Umfanekiso: BHEKI RADEBE
Abafama abasakhulayo babe yinkxalenye yokusekwa kwe farmers Association eGreenfields eMonti. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

“Sinookopolotyeni abangamashumi amahlanu anesine abaphantsi kwethu siyiGompo Farmers Association, sikwanawo namafama azimeleyo ke angamalungu,” utsho uWitbooi.

Uthi bajonge ukukhupha amafama ezigadini ezincinci abheke kumasimi amakhulu kuveliswa ukutya.

“La mafama asebenza egadini nokuba incinci kangakanani, kodwa sifuna ukuba banabe ngoku kumsebenzi wabo,” ucacise watsho uWitbooi.

UMonde Banjwa weDaily Bread eliziko labantwana elikwazivelisela ukutya ngomnye wamafama ebeze kungqina ukumiselwa kweGompo Farmers Association.

“Aza kuncedakala amafama kuba aza kufumana iqonga lokwabelana ngolwazi, efunda kunye, ekhula kunye ukuze kuphucuke iimveliso zawo,” utsho uBanjwa.

Lo kaBanjwa uyingcali yokuvelisa ukutya ngokusebenzisa amatonela adala ubushushu obufunwa zizityalo ngamaxesha engqele.

UBusi Mgangxela-Peter ngumfama ovelisa umthi obizwa ngokuba yimoringa, usebenzise ithuba lokumiselwa kweGompo Farmers Association echaza banzi ngeemveliso zakhe zemoringa.

“Imoringa sisityalo esithwele izakhamzimba ezininzi. Izithako ezininzi ezifunwa ngumzimba zifumaneka zonke kwimoringa, akunzimanga nokuyityala, iyatyiwa nokutyiwa ngokuthi iphekwe ekhitshini,” kutsho uMgangxela-Peter.

Umququzeleli wokumiselwa kweGompo Farmers Association uNkosi Mthuthuzeli Makinana uthi bazimisele ukunika amafama akwaGompo ithuba lokusebenza.

“Sijonge ukunciphisa ukukhuphisana, endaweni yalo nto sifuna ukuba abantu bafunde ukuncomana nokuxhasana kulimo nokufuya. Sifuna ukufundisana ukwabelana sincedana,” kucacisa uNkosi Makinana.

Imibutho yamafama ikwasisixhobo sokunika amafama ithuba lokuba abelane ngolwazi, logama ekhula kumsebenzi wawo wokulima nokufuya.

“Ekugqibeleni kumele ukuba kuphucuke umgangatho weemveliso zethu ukuze zifikelele kumgangatho wehlabathi esijonge ukusebenzisana nalo,” utsho uMakinana.

Kuhambo lwabo lakwaSirayeli bajonge ukubuya bethwele ingxowa yolwazi olwakuthi likhulise amafama akwaGompo.

“Uhambo lwethu oluya kwaSirayeli lubanjwe yingxaki yokuvalwa kwelizwe ngenxa yesifo sekhorona, kodwa siyathemba ukuba xa kuthe kwavulwa sakulifumana ithuba lokuya kwaSirayeli,” kutsho uWitbooi.