IPirates izenzele umsebenzi onzima kwiCAF Confederation Cup

UVincent Pule we-Orlando Pirates noMarouane Hadhoudi weRaja Casablanca emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe e-Orlando Pirates. Umfanekiso: Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Xa kudlalwa umlenze wesibini weCAF Confederation Cup, yona i-Orlando Pirates iza kufana neqalelayo ngoba ayikwazanga ukukhusela igowuli kowayo. Konke oku kwenzeke emva kokuba iPirates ibambene ngegowuli elinye macala (1-1) neRaja Casablanca emdlalweni obubanjelwe e-Orlando Stadium emalanga namhlanje. Ukufumana kwayo igowuli iCasablanca emdlalweni oseMzantsi Afrika kuyinike amandla ngoba uxinizelelo lakuba kwiPirates xa kusiyiwa emdlalweni olandelayo eMorocco kwiveki ezayo. Umdlalo iwuqale kakuhle kakhulu iBucs ngoba yiyo ebihlasela. Unozinti weCasablanca, uAnas Zniti, wenze umsebenzi oncomekayo kwangoko emdlalweni ngethuba evala ibhola ebikhatywe nguWayde Jooste.

Emva koko, uDeon Hotto uzame ukukhaba ekude – kodwa ibhola yakhe iphume ecaleni. Itsazise igazi kuqala iBucs ngegowuli elifakwe nguVincent Pule – ofumene ibhola elungisiweyo nguDeon Hotto. Emva kokuya kwixesha lokuphumla ihamba phambili, bekulindeleke iPirates ivale emva okanye yongeze elinye igowuli. Ayikwazanga ukwenza nanye kwezo zimbini izinto. UBen Malango woyise amadoda amabini ebhokisini wafaka igowulu kwangoko kwisigaba sesibini. Imcaphukisile kakhulu lo nto uJosef Zinnbauer – ovezwe ethivini elahla phantsi izipeksi zakhe ebezisesandleni. Umdlalo weRaja uye wafunquka emva koko, kufanele ngoba ifumene eyona nto ebiyizela futhi isazi kakuhle ukuba iza kulwela ukungabethwa eMorocco.

Ukungena kwabadlali abafana noThembinkosi Lorch, uThabang Monare noPaseka Mako akwenzanga mahluko ngoba iPirates ayikwazanga ukugqobhoza emva kwiRaja Casablanca. Kubekho ithemba xeshikweni uDeon Hotto efumana ithuba endaweni entle sekuza kuphela umdlalo. Akakwazanga ukukhabela unozinti ngoba ebegadiwe kwabe kungekho mdlali okufutshane kuye obenomnikela ibhola. Kube njalo nakuMako ozamileyo ukukhabela ezipalini – ngelishwa lakhe, uZniti ebethe qwa. Kunyanzelekile iPirates iphumelele kwiveki ezayo xa idibana neCasablanca emdlalweni wesibini ukuze ikwazi ukuya phambili kwiCAF Confederation Cup.

Pirates: Sandilands, Nyauza, Hlatshwayo, Jooste, Sam, Motshwari, Ndlovu, Pule, Hotto, Mabaso, Makaringe.

Amalalela: Ofori, Monare, Zungu, Mntambo, Lorch, Dlamini, Mako, Maela, Mhango.

Raja Casablanca: Zniti, Madkou, Jbira, Haddad, Hadhoudi, Arjoune, El Wari, Ngoma, Benhalib, Rahimi, Rahimi, Malango.

Amalalela: Bouamir, Boutayeb, Soukhane, Achchakir, Zrida, Makahasi, Nanah, Noah, Habti.