Iqela likaPitso Mosimane lohlwaye iSundowns elizweni lakwaFaro

Iintshatsheli ezikhuselayo, iAl Ahly, zinethuba elihle kakhulu lokudlulela kumjikelo olandelayo emva kokuba zohlwaye iMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eCairo, kwaFaro, namhlanje ebusuku. Umdlalo wala maqela mabini ubunika umdla ngenxa yezinto eziliqela. Omabini ebefuna ukuphumelela namhlanje ukuze aye emdlalweni weveki ezayo sele kulula. Okwesibini bekukho uPitso Mosimane odibana neqela awaliphakamisayo eMzantsi Afrika – kodwa obengasoze onwabe xa libemthele eYiphutha phambi kwabaqeshi bakhe. Umdlalo kwisigaba sokuqala ububambene futhi omabini amaqela adlale ngokuzimisela.

Amasandawana angene emdlalweni ngaphandle kukaTemba Zwane. UGaston Sirino noGift Motupa ngawona madoda ebihlasela ngawo iDowns endaweni kaPeter Shalulile obegadwe kakhulu. Iqela likaPitso liwulawule umdlalo kwisigaba sokuqa nangona nayo iSundowns ibingayekelelanga umxakatho. Ibhalise ebhodini ngomzuzu wamashumi amabini anesithathu iAl Ahly ngebhola efakwe nguTaher Mohamed. Ukuba amathuba amabini aphoswe nguMotupa noThapelo Morena ebesetyenziswe kakuhle – iSundowns ngeyiye kwixesha lokuphumla ihamba phambili. Kwisigaba sesibini amaqela omabini abeke ibhola phantsi – kodwa amathuba acacileyo khange abe maninzi.

IDowns imkhuphile uSirino obeyinkathazo kwiAl Ahly ngenxa yokonzakala. Indawo yakhe ithathwe nguKermit Erasmus okhe wadlalela ibhola entle uMotupa okhabe ibhola entle ebethwe ngenqindi nguMohamed El-Shennawy. Kuthe xa kusondela ixesha lokuphela komdlalo, uDenis Onyango uphose ibhola ebekumele uyichithile, idebene noSalah Mohsen – oyivalele emnatheni ngaphandle kobunzima. Emdlalweni olandelayo, iSundowns kufuneka ibethe iAl Ahly ngo’3-0 ukuze ikwazi ukudlulela phambili kwiCAF Champions League. Izinto ziyihambela kakuhle iAl Ahly ngoba okwayo kukungabethwa qha emdlalweni osePitoli kwiveki ezayo ukuze iye phambili.

Al Ahly: Mohamed El-Shennawy; Mohamed Hany, Ramy Rabiaa, Badr Banoun, Ayman Ashraf; Aliou Dieng, Amr El-Sulya, Mohamed Mahdy Afsha; Hussein El-Shahat, Taher Mohamed, Mohamed Sherif.

Sundowns: Onyango, Morena Nascimento, Lebusa, Modiba, Coetzee, Maboe, Mkhulise, Sirino, Shalulile, Motupa.