UHollywoodbets utyale izigidi zerandi kwiNational Women’s League!

UNksz. Sandisiwe Bhengu weHollywoodbets, uGqirha Danny Jordaan weSafa no-Ian Plaatjies weSABC entlanganisweni ebiseGoli ekuqaleni kweveki. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ibhola ekhatywayo yamantombazana ayisoze ifane neyeminyaka edlulileyo. Ekuqaleni kwale veki, iSouth African Football Association (Safa), ibhengeze iHollywoodbets njengomxhasi omtsha weSafa National Women’s League. AbakwaHollywoodbets batyale imali engaphaya kwezigidi esithathu zerandi (R3-million) eziza kuphucula ibhola ekhatywayo yamantombazana eMzantsi Afrika. Sekulithuba elide amanenekazi eyidlala ibhola eMzantsi Afrika ngaphandle yenkxaso yamaqumrhu azimeleyo – kodwa izinto ziguqukile ngoku.

Kwiminyaka edlulileyo, aBanyana Banyana benze inkqubela emangalisayo nebonakele ngokuphulela indebe yeCOSAFA bephindaphinda nokuya kwiNdebe yeHlabathi okokuqala ngo-2019. Ezo zinto zanyanzele iSafa ukuba isungule iNational Women’s League eza kwaziwa ngokuba yiHollywoodbets Super League ukusukela ngoku ukuya phambili. Iintshatsheli zalo unyaka ziza kuzuza indebe ehamba nezigidi ezibini zonke zerandi (R2-million) okokuqala. Lona iqela elibambe indawo yesibini liza kufumana isigidi serandi (R1-million).

Imali engaka iza kuqinisa ukhuphiswano iphucule nobomi babadlali ngoba baza kufumana ubugcwabalalana bemali ethe chatha kunangaphambili. “Utyalomali luza kuqinisa amaqela luncedise kakhulu nakuphuhliso lomdlalo wamanenekazi. Kuyasivuyisa kakhulu ukubambisana noHollywoodbets,” utshilo uMongameli weSafa, uGqirha Danny Jordaan kwindibano ebiseGoli. Umanejala wezorhwebo kwaHollywoodbets, uNksz. Sandisiwe Bhengu, uthethe wenjenje:

“Apha eMzantsi Afrika sinetalente eleleyo. Sinethemba lokubona ukusebenzisana kwethu neSafa kuza kuyiphucula ibhola ekhatywayo yamantombazana. Uphuhliso lwemidlalo yinto ebalulekileyo kuthi kwaHollywoodbets.” Ukusasazwa ngqo kwemidlalo yeNational Women’s League lijelo losasazo loluntu, iSABC, kubenalo igalelo ekutsaleni umdla weenkampani ezifana noHollywoodbets. “Sibulela iSABC ngokuphakamisa imidlalo yeWomen’s League eyakuqina xa ibukelwa ngabantu abaninzi,” utshilo uMnu. Tebogo Motlanthe, ingqonyela yeSafa.