Iinyembezi zovuyo benikwa izindlu

BEKUTHI kwakuvuthuza umoya ebusuku, alishiye ityotyombe lakhe ayokulala kweminye imizi kuba esoyikisela ubomi bakhe kwakunye nobabantwana.

Lowo nguElethu Mvuyo (29), waseCenyu Village eCumakala, ongenabazali nonabantwana abathathu. Umntwana kaMvuyo wokuqala uneshumi elinesithathu logama owesithathu enonyaka omnye.

Kwiveki ephelileyo, iSebe loHlaliso loLuntu lityelele eCenyu ukuya kunikeza izindlu kwiintsapho ezintathu ezihlelelekileyo.

Onikwe indlu uElethu Mvuyo, ekunene, ekunye noSekela Mphathiswa uPam Tshwete kwanoMphathiswa wePhondo uNonceba Kontsiwe UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

UMvuyo uthi imeko yentsokolo iqine nangakumbi emva kokusweleka kukanina ngo2015. “Ngelo xesha sasihlala elokishini (eMlungisi). Kwanyanzeleka ukuba ndizame imisetyenzana ukuze ndizozakhela ityotyombe apha (eCenyu). Bekungemnandanga ukuhlala kweli tyotyombe kuba besivuka ebusuku xa kukho umoya, sihambe siyokucela indawo yokulala emizini.

“Ngaphambili sasikade sihlala kwisiza sasekhaya, kodwa yadilika indlu ze saya eMgwali. Ndiyavuya kakhulu kukufumana le ndlu intsha. Ndiza kutsho ndilale ebusuku, siyeke ukumane sivuka ebusuku. Siza kuyeka nokuxhalela iinkomo ezizigudla kweli tyotyombe kuba sisoyika ukuba liza kusiwela,” kutsho uMvuyo.

UNokwayiyo Deyizana (95), ophakathi, ekunye nabantwana bakhe eshiya indlu yodaka esiya kwayakhelwe ngurhulumente UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Omnye oxhamlileyo nguNokwayiyo Deyizana (95) waseCenyu Lands. “Ndiziva kamnandi kakhulu, kuba xa kusina imvula besingalali kuba indlu ibisiwa. Ndibulela ubaw’ uMaphosa (Ramaphosa) othe wasakhela izindlu. Ndibulela nonokontraka othe wasakhela le ndlu kwakunye neekomiti zasekuhlaleni.”

UDeyizana noMvuyo abakhange bakwazi ukuzibamba, bakhala ngethuba benikwa ithuba lokuphosa amazwi malunga nenkonzo abayinikwe ngumbuso.

UMphathiswa weSebe, uNonceba Kontsiwe, uthi kulo nyakamali isebe lizimisele ukuqwalasela nangakumbi abantu abahlelelekileyo – abaquka abantu abadala kakhulu, abantwana abangenabazali, abantu abaphila nenkubazeko kwakunye namagqala omkhosi.

UNokwayiyo Deyizana (95) ekunye namagosa karhulumente kwindlu entsha ayanikwe kwiveki ephelileyo UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

“Iinyembezi zovuyo zabantu abafumana ezi zindlu zihlaba ngaphakathi. Abantu abakholelwa, bebesele bencamile bengenathemba ukuba ubomi babo bungatshintsha. Iyavuyisa eyokubona isebe likwazi ukutshintsha ubomi babantu. Umntu nokuba mdala, xa kufika iintsuku zokugqibela, ziza kufika enendawo yakhe elungileyo.

“Sihlola umsebenzi owenziweyo inyanga nenyanga, ukujonga ukuba yinto eyenziwayo ukunqanda ukujika kwemali ngenxa yokungachithwa ngokwezicwangciso. Oku kuza kwenza ukuba sibone ukuba kungalungiswa njani. Siyawakhuthaza amagosa ukuba mabamise kuba umntu kuza kufuneka aphendule ukuba kutheni kungenzekanga ngokwezicwangciso zesebe,” utshilo uKontsiwe.

Kulo mmandla waseCenyu iyaqhuba iprojekthi yokwakhiwa kwezindlu. Kuza kwakhiwa izindlu ezingamakhulu amane anamashumi amahlanu (450) eCenyu Village logama ziza kuba ngamakhulu amathandathu anamashumi alithoba anesibini (692) eCenyu Lands.

Ezi zindlu zinikwe uMvuyo noDeyizana, zineesofa, iibhedi, ikhabhathi kwakunye nokutya – isipho esivela kusomashishini oyinxalenye nokwakhiwa kwezi zindlu.