Nqwadalala eNqadu bebulela uDaluhlobo

UKHOKELE njengenkosi phantsi kweeKumkani ezimbini, uKumkani Xolilizwe Sigcawu kwanonyana wakhe uZwelonke, kodwa ngoku uthi kwanele ufuna ukuphumla adle izonka nosapho lwakhe.

Lowo nguNkosi Daluhlobo Nomgam (85) oqale ukukhokela njengenkosi eNqadu kuGatyana ukusukela ngo1985. Kwiveki ephelileyo abahlali baseNqadu bamenzele itheko lomhlalaphantsi nebelibanjelwe Komkhulu eNqadu.

UNkosi uDaluhlobo ebulela kubahlali UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Ethetha kweli theko uNkosi Daluhlobo uthe: “Ndiqale ukulawula ngexesha apho kwakusalawula umthetho, kungalawulwa ngokuqhankqalaza. Into ebangele ukuba ndiqhube yonke le minyaka kukuba bendilandela umthetho.”

“Bantwana benkosi, ndiyabulela ngembeko ebenindiphethe ngayo. Bendingayazi ukuba ndingade ndenzelwe itheko, kodwa ngenxa yesizwe saKomkhulu nikwazile ukwenza le nto. Mna ndiyabulela, andizenzisi.

“Sendimdala, ndingcangcazela nje kukuxushana nani, noko ke mandingade ndifele edyokhweni. Baninzi abantwana baKomkhulu, ngoku mandiyophumla nditye izonka zam,” kutsho uNkos’ uDaluhlobo.

Nqwadala eNqadu abahlali kwitheko likaNkosi uDaluhlobo Nomgam UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

UNtshinga Magafela ongusihlalo wemiba yaKomkhulu uthe: “Ndizalelwe, ndakhulela apha eNqadu. UNkos’ uDaluhlobo uthe kuthi mdala ucela ukuyeka ukuze agoduke aye kowabo kuCentane. Eyona nto ingamandla kukwenza umbulelo kuye kule minyaka sihleli naye ukusukela ngo1985. UNkos’ uDaluhlobo samnikwa nguKumkani Xolilizwe.”

“Usishiya nenkosi uNtsikayezwe Sigcawu esithi xa simkhahlela sithi Zwelivelile. Into esiyifunayo kukukhokelwa, asifuni kungabinayo inkosi.

“Isivuyisile into yokuba uNkos’ uDaluhlobo aze kuthi azokusixelela ukuba uyayeka. Siza kumane sisithi Zwelivelile iphi iKumkani kuba iKumkani esiyaziyo nguZwelonke. IKumkani ayibekwa iyazalwa, mhlawumbi yile nto kungekho bani oza kuthi kuba bona bafuna ukubeka iKumkani,” kutsho uMagafela.

UMagafela ukwakhumbule iinkosi neenkosikazi ezikhe zabakhokela eNqadu.

“Apha thina sikhulele kuKumkani Xolilizwe noNkosikazi Nozizwe. Wamka uNkosikazi Nozizwe kwangena uNkos’ uMvulehlobo. Wemka uNkos’ uMvulehlobo kwangena uNkos’ uDaluhlobo noNkos’ uLangalehlobo. Emva koNkos’ uLangalehlobo kwangena uNkos’ uZwelonke (owayenguZwelenkosi ngelo xesha). Uthe xa ephuma ekubeni yinkosi esiya kubuKumkani uZwelonke, kwangena uNkosikazi Nondwe. Emva kukaNkosikazi Nondwe, kwangena uNkos’ uZanenkululeko. Nguye ke ngoku osesezintanjeni uNkos’ uZanenkululeko. Lonke eli xesha uNkos’ uDaluhlobo ebengusibonda wethu. Indawo yakhe ithathwa nguZwelivelile ngoku,” kutsho uMagafela.

Nqwadala eNqadu abahlali kwitheko likaNkosi uDaluhlobo Nomgam UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

UBathandwa Mtsolongo, unobhala waKomkhulu, uthe: “Umntu omncinci uyakhula abe mdala. Eli xhego (Nkos’ uDaluhlobo) lisifunde kakhulu. Rhoqo ngexesha lolwaluko, uNkos’ uDaluhlobo ebeye ame ngenyawo abonisane nesigqeba sakhe ngenkqubo eza kulandelwa.”

USizo Butshingi, oyinqununu yaseXolilizwe SSS, isikolo saseNqadu esithiywe ngoKumkani Xolilizwe Sigcawu, uthi umsebenzi awenza kwesa sikolo uwenza ngenxa yenkxaso yeKomkhulu eliquka isikhokelo esibonakaliswe nguNkosi Daluhlobo.

Nqwadala eNqadu abahlali kwitheko likaNkosi uDaluhlobo Nomgam UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Oza kungena endaweni kaNkos’ uDaluhlobo, uNtsikayezwe Zwelivelile Sigcawu, uthi ukubeka kwakhe phantsi uNkos’ uDaluhlobo akukho mnandi, kodwa ke bayaqonda ukuba mdala.

“Inga ezinye zeemfihlo zakhe zokulawula angandibonisa. Kuza kufuneka ndilandele umgaqosiseko welizwe, ndijonge izinto zokunceda abantu bale ndawo. Andizukuba yinkosi elindele okuza kuyo, endaweni yoko ndiza kunkqonkqozelela abantu bakuthi ukuze bancedakale.

“Umhlaba waseNqadu awunalishwa, uThixo wawuthamsanqelisa. Uyeyona golide esinayo. Ndingumntu okuthandayo ukufuya kwanemidyarho yamahashe. Abantu bakuthi apho ndibathanda khona, kukuba into entle bayayithakazelela. Xa ndiphazamile baza kundilungisa abantu bakuthi, nabo ukuba bayaphazama ndiza kubaxelela,” kutsho uSigcawu.

UNkos’ uDaluhlobo ukwaxakathiswe nezipho ngabantu baseNqadu, bembulela ngomsebenzi wakhe wokubakhokela.