Umasipala uzimiselele ukuvuselela umbhoxo eNgquza

UMnu. Ndiphiwe Mhlakaza ngumhlohli waseMqikela S.S.S. kodwa ukwanguye nomthandi wombhoxo. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Umbhoxo ufile kwiindawo zaseNgquza. Oku kubhenceke ngethuba uMultiChoice enika iMqikela S.S.S. ibala lemidlalo entlobontlo kwinyanga ephelileyo. Imidlalo efana nebhola ekhatywayo, umnyazi, intenetya neminye inayo indawo – kodwa wona umbhoxo awunayo indawo. Lo nto iwubeke emngciphekweni wokubhanga umbhoxo eNgquza ngoba zonke iilali azinawo amabala. Umdla embhoxweni ugcinwe zizikolo – kodwa kunzima ngenxa yamabala angekhoyo. UMnu. Ndiphiwe Mhlakaza, ongumhlohli eMqikela, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba isikolo sakhe besifudula sihamba phambili embhoxweni – kodwa akusekho njalo ngoba akukho zindawo zokudlalela.

“Kule sekethe yethu yaseMalangeni, akukho nanye ilali enebala lombhoxo kwezingaphaya kwamashumi amabini,” utshilo uMhlakaza.

“Umdla ukhona ebantwini. Zikhona iintwana ezikhe ziziqeqeshe kuba zithanda umbhoxo. Ziyadlala kwitumente kaMasipala ngoba umbhoxo uyabandakanywa nawo xa iqhutywa. Thina bantu esazi izikolo ezinabantwana abadlala umbhoxo, siye sibadibanise ukuze badlale kula tumente kasodolophi. Amaqela walapha ayedlala eMthatha – kodwa ayisenzeki lo nto ngoba akukho mabala okudlalela,” utshilo uMhlakaza. Isithethi sikaMasipala, Umnu. Zamuxolo Mathwasa, uvumile ukuba ngokwenene awekho amabala eNgquza – kodwa akhona amatileyile awenzayo umasipala ukuze abekhona.

“Umbhoxo ubukade udlalwa ezikolweni, ungekho ezilalini. Yilo nto ebangele angabikho amabala. Kodwa xa siqhuba imidlalo kamasipala, umbhoxo siyawufaka. Umbhoxo besiwudlalisa eNgqungqushe okanye eMqikela S.S.S. – apho uMultiChoice akhe khona ibala. Umasipala unephulo lokwakha amabala emidlalo entlobontlobo. Mabini agqityezelwayo. Ngamabala alungiselelwe yonke imidlalo. Sizama ukufumana umhlaba ezinkosini ukuze sikwazi ukuphucula amabala wombhoxo. Siyathetha nazo izikolo, sifuna ukuncedisana nazo ngale nto yamabala wombhoxo. Sifuna ukubuyisela umbhoxo ukuze ube ngumdlalo odlalwayo nawo,” uvale ngaloo mazwi uMathwasa.