Amakhosi abilebanda amkhombe emnyango uGavin Hunt!

UGavin Hunt ugxothiwe yiKaizer Chiefs. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ezingenayo ngorhatywa lwanamhlanje zithi Amakhosi amkhombise umnyango uGavin Hunt, ngoko nangoko! Isibhengezo senziwe yiKaizer Chiefs kwikhasi lonzibelelwano, uFacebook, emizuzwini embalwa egqithileyo. Oku kwenzeka emva kokungadlali kakuhle kweChiefs phantse yonke isizini ka-2020/21. Izizathu zokuchithwa kwakhe azikaziwa – kodwa Amakhosi athe akubuya enze ingxelo egcweleyo ngelinye ixesha. “IKaizer Chiefs isiqhawule isivumelwano sengqesho sikaGavin Hunt,” itshilo ingxelo. Izolo elinye, Amakhosi aguqiswe phantsi ngo’2-1 yiBlack Leopards esemsileni.

Phantse yonke isizini esongwayo, iChiefs yoyisakele ukuphumelela imidlalo – ingakumbi xa idlala namaqela amancinci. Phantsi kwegama lakhe uHunt, uqeqeshe emidlalweni engamashumi amane anesine. Uphumelele ishumi elinambini qha, uphulukene neshumi elinesihlanu waze wadlala ntanganye kwelishumi elinesixhenxe. UHunt waqeshwa yiChiefs ekuqaleni kwesini emva kokugxotha uErnst Middendorp – kodwa zange ikwazi ukuthenga abadlali ngenxa yesigwebo seFifa. Nangona egxothiwe, uHunt ukwazi ukuyibeka endaweni entle kakhulu iChiefs emidlalweni yeCAF Campions League.