Unxunguphalo emva kokubulawa kwepolisa ngoonqevu

 

Kungquzulwano obe luphakathi kwamapolisa kwakunye noonqevu edolophini eDutywa ekuzeni kusa ngoMvulo, lusube umphefumlo wepolisa uSajini Nyameko Mbelani (38). UMbelani ubhubhele kwisibhedlele esikufutshane emva kokubalekiselwa khona esoyisakala kumanxeba okudutyulwa ngaba nqevu.

Olu ngquzulwano lulandela emva kokuba amapolisa aseDutywa athe afumana umnxeba ngezithuba zentsimbi yesibini ekuzeni kusa, mnxeba lowo othi kuqhekezwa ivenkile ethile edolophini eDutywa.

Kubulewe ipolisa eDutywa

Ingxelo ephuma kuBrigadiya Tembinkosi Kinana, ithi amapolisa athe eqala ukufika kwigaraji ethile eDutywa akhawulelwa yinqwaba yeembumbulu edutyulwa ngabarhanelwa abo, nekulapho uMbelani aye wadutyulwa kumzimba ongentla wafumana amanxeba anzulu. Iindaba zokubhubha kukaMbelani zingene ngoLwesibini kusasa umhla wokuqala kule nyanga.

UMbelani ubesebenza kwisikhululo samapolisa saseDutywa kwaye sele enexesha elide esebenza njengepolisa kuba ebesele eneminyaka elishumi elinesihlanu, waqala ngo2006.

Eli qhawe libhubhele emfazweni, lizalelwa eChafutweni kuGatyane. Ngasemva ushiya inkosikazi yakhe kwakunye nabantwana bakhe.

UMkomishinala wePhondo uNjengele Lt Liziwe Ntshinga udlulise amazwi okubopha usapho, izalamane kwakunye noogxa bakaMbelani. Uthi zibashiye bephazamisekile ezi ndaba zibuhlungu.

“Iindaba ezibuhlungu zokushiywa lelinye lelungu lethu zisothusile futhi zisiphazamisile. Nangona kunjalo abathandathu (6) abarhanelwa kwabasibhozo sele bebanjiwe, bebanjwa kuTsolo. Kwaye aba barhanelwa baza kubhatala ngesenzo esibi abasenzileyo sokuthabatha umphefumlo ongetyala.

Amapolisa abongoza intsebenziswano eluntwini. Lowo unokuthi abe nolwazi malunga nabarhanelwa ababini abashiyeke bengekabanjwa eze ngaphambili. Kungenjalo atsalele isikhululo samapolisa aseDutywa, kuTsolo okanye batsalele ku086 00 10 111.