Yizani Sifunde boonomngqushwana

IINCWADI zamabali ezikwikhulu lamawaka (100 000) kumaziko ophuhliso lwemfundo yoonomngqushwana (Early Childhood Development) angamashumi amane (40) kuKomani, eMonti nakwilali yaseMonti iTsholomnqa.

Lo ngumsebenzi oza kwenziwa liphulo iYizani Sifunde kulo nyaka, enjongo zalo ikukuqubisana nemiqobo ethintela ukwazi ukufunda nokubhala. Eli phulo lixhaswa yiLiberty Community Trust kwaye limiliselwa ngentsebenziswano yiNal’ibali, Book Dash kwaneWordworks.

Iphulo lokukhuthaza ukufunda nokwabelana ngamabali kubantwana baseMonti nakuKomani UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Eli phulo ligxile ekuxhaseni abantwana kula maziko, ngokusebenzisana nabazali kwakunye nootitshala babo, ukufaka umfutho wokuthanda ukufunda kwanasekwabelaneni ngamabali.

“Wonke ubani kuthi ungumbalisi webali ngokohluka kweendlela, yaye ukufunda nokubalisa amabali kungasesona sixhobo siyimfihlo soMzantsi Afrika. Ukufunda nokwabelana ngamabali nabantwana abancinane ngundoqo ekuhlahleni ifolo kulwimi abaza kulidinga ekufundeni ukufunda nokubhala emva kwethuba.

“Kunganceda nasekuqondeni kwanophuhliso lweemvakalelo. Kodwa kuko konke, ukuthatha ixesha ufunde kwaye wabelane ngamabali nabantwana bethu kwenza uzive kamnandi,” utshilo uYandiswa Xhakaza, iNgqonyela yeNal’ibali.

Iphulo lokukhuthaza ukufunda nokwabelana ngamabali kubantwana baseMonti nakuKomani UMFANEKISO: UTHUNYELWE/ DAMIEN SCHUMANN

Uphandosifundo lubonisa ukuba abafundi bakaGrade 4 abakwi-78% abakwazi ukunambitha into abayifundayo kwaye phantse umntwana omnye, kwabo bathathu ezilalini, abakwazi ukufunda nokubhala.

Eli phulo lijolise ekukhuthazeni ukufunda nokubalisa amabini ekhayeni nakwiindawo zoluntu ukunceda ukuqinisa izakhono zolwimi, ngokokuthetha nangokokubhala, ebantwaneni.