‘EMpuma Koloni ukhangela umsebenzi ide ibengumsebenzi wakho okhangela umsebenzi’

NOXA nje eMpuma Koloni kukho imisebenzi emitsha eyi-65 000 kwikota yokuqala ka2021, eli phondo lelona lineqondo eliphezulu kwintswelongqesho eMzantsi Afrika.

Kwiziphumo zohlolo lweqondo lwemisebenzi ezikhutshwe liZiko leeNkcukacha Manani loMzantsi Afrika (Stats SA) kule veki, iMpuma Koloni ineqondo eliphezulu lentswelongqesho ngo-43.8% kwikota yokuqala ka2021, ube wona uMzantsi Afrika uphela uneqondo lentswelongqesho elikwi-32.6%, kweli xesha linye. Oku kuthetha ukuba iphondo laseMpuma Koloni logqitha nelizwe liphela ngokweqondo lentswelongqesho.

Iphondo lesibini ngokwentswelongqesho yiFreyistata ngo-35.6%, ze kwindawo yesithathu ibeyiRhawutini ngo-34.4%.

Iqondo lentswelongqesho liphezulu eMzantsi Afrika ingakumbi eMpuma Koloni UMFANEKISO: Timothy Bernard

Inani labantu abangaphangeliyo eMzantsi Afrika lonyuke ngamawaka asibhozo ukuya kwi-7.2 million, ze inani labantu abakruqukileyo ekufuneni imisebenzi lonyuka nge-201 000 (okanye i-6.9%). Kodwa inani labantu abangalungelanga marike lehlile nge-38 000.

Iqondo lentswelongqesho kubantu abatsha likwi-46.3% logama iqondo lentswelongqesho kwabo bathweswe izidanga eyunivesithi likwi-9.3%. La ngamani aphume kuhlolo lweqondo lwemisebenzi kwikota yokuqala ka2021.

Umsebenzisi kaFacebook ozibiza ngoKuhle Mbiko ubhale kuFacebook wakhe kule veki esithi: “EASTERN CAPE ukhangela umsebenzi ide ibengumsebenzi wakho ukhangela umsebenzi”. Oku kuthetha ukuba, ngokukaMbiko, kwiphondo laseMpuma Koloni ubani ukhangela umsebenzi de afane nomntu olinde uNxele ngenkqu.

Kunyaka ophelileyo urhulumente wephondo, ngokomlomo kaMphathiswa wePhondo kwiSebe lezeZimali noPhuhliso loQoqosho, uMlungisi Mvoko, wabhengeza ukuba iphondo liphulukene ne-R23.9 billion (esisabelomali esivela kwiSebe lezeZimali kuZwelonke) ukusukela ngo2011, ngenxa yabantu abashiya eli phondo beyokufuna amadlelo aluhlaza kwamanye amaphondo.

Kodwa urhulumente waseMpuma Koloni uvakalise ukuba uyakwamkela ukuthoba iqondo lentswelongqesho ukusuka ku-47.9% kwikota yesine ka2020 ukuya kwi-43.8% kwikota yokuqala ka2021.

“Urhulumente waseMpuma Koloni oku ukubona njengokusabela koqoqosho lwethu, okuchaza ukuswabuluka kwemarike emva kokuvalelwa yiCOVID-19. Njengorhulumente waseMpuma Koloni, sixakekile luxanduva lokukhulisa uqoqosho nokudala imisebenzi sikhokelwa siSicwangciso sePhondo sokuVuselela uQoqosho,” utshilo uMvoko kule veki.