Bagqamisa ngomdlalo weqonga intlungu yenyhikityha yaseBhisho

Umhla wesixhenxe kweyoMsintsi ngo1992 kubantu baseBhisho neziphaluka ngumhla ongasoze ulibaleke kwiintsapho ezininzi, kuba ezinye zashiyeka zilamba ngethuba abezomthetho phantsi kolawulo lukaBrigadiya Oupa Gqozo badubula babulala abahlali ababebambe umngcelele, belwela amalungelo abo.

Oku kwenzeka eBhisho neyintlokodolophu yePhondo, apho kwashiyeka abantu abangaphaya kwamashumi amabini bebhubhile, kubo kuquka nejoni lephandle elalisaya kwaziwa njengeCiskei.

Iqela labadlali beqonga kumdlalo othi ‘Scars That Won’t Heal’ UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

La nyhikityha ngoku ijikwe yenziwa umdlalo weqonga othi ‘Scars That Won’t Heal’, noqhutyelwe eGuild Theatre eMonti ngoLwesibini kule veki. Lo mdlalo ubhalwe nguXolani Makwedini.

Umlawuli walo mdlalo, uAbel Sisa Mhlophe uthi bazama ngako konke ukubonisa kwanokukhumbuza okwenzekayo ngalo mhla.

“Ukuzisa eli bali kwakhona eluntwini sizama ukukhumbuza apho sivela khona sisisizwe esintsundu. Libali eli elenzeka manyhani kwaye elashiya iziva ezibuhlungu ezingenakuphola kuba kwaphalala igazi, iintsapho ezininzi zashiyeka zikhedamile kwaye zilambile,” utshilo uMhlophe.

Iqela labadlali beqonga kumdlalo othi ‘Scars That Won’t Heal’ UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Kulo mdlalo, nobuxhela ngaphakathi entliziyweni, kuboniswa inkosikazi eyashiyeka inabantwana abane, kwaye kubo kukho nemveku eseneenyanga ezimbalwa izelwe. Le nkosikazi yabulawelwa umyeni wayo owayelijoni nelaliphantsi kolawulo likaGqozo.

Eli joni labulawa ngabahlali beziphindezela ngethuba libuyela ekhaya liyokubona usapho lwalo.

“Lo mdlalo ukwabonisa ukohlulwa kwethu singabantu abamnyama, ucalucalulwano sisodwa nokungavisisani, sicalucalulane sibe phofu sibanye singamaAfrika.”

Iqela labadlali beqonga kumdlalo othi ‘Scars That Won’t Heal’ UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Kulo mdlalo, kukwakho nendawo yentselo ekubanjwa isikhumbuzo solu suku rhoqo ngonyaka. Kule ndawo konwatyiwe nangona nje kukho namaxhoba asele ehamba ngezitulo zamavili (wheelchair) nadutyulwa ngo1992 ngolwa suku lungenakuze lulibaleke.

UMhlophe, uthi abaninzi bancama ubomi babo bencamela thina inkululeko leyo uninzi lungekaxhamli nangoku kuyo.

Omnye wabadlali abaphambili, nolijoni elibulewe ngabahlali elishiya imveku ngasemva, uMandilakhe Lufundo waseMdantsane, uthi ukudlala le ndawo kuthetha lukhulu kuye, kuba ikhumbuza abaninzi, ikwabafundisa nangemvelaphi yesizwe esintsundu.

ULufundo uthi ukubuyela eqongeni emva kwexesha elide kumvuselele kuba ibe ngathi uzalwa ngokutsha. “Kudala ndikhumbula iqonga kuba ndiyaphila kuba ndenza endikuthandayo. Bekukhe kwanzima kuvalwe ixesha elide ngenxa yeCovid-19, ndivuya kakhulu ukubuyela kwanokulinganisa intlungu eyenzeka kootatomkhulu bethu nakootata bethu.”

Uthi bayawavuyela amathuba anje kuba anqabile apha ephondweni.

Abalinganisi balo mdlalo nguYonela Ntulo, Xoli Dyasi, Simphiwe Botile, Ziyanda Futshane, Siselo Gobozi, Nandipha Sompi, Xabiso Ntshangase, Sinelizwi Xuza kwakunye noMandlakazi Batyashe.