Isiquququ senkondekazi egqiba ikhulu leminyaka!

 

Inkondekazi yaseSheshegu eDutywa, uNocingile Matiloshe (100), nobebhiyozela ukugqiba ikhulu leminyaka ezelwe, uthi eyona mfihlelo yakhe emenza abe usaphila nanamhlanje kukuba akakuxabisanga ukulala.

Inkondekazi yakwaMatiloshe kwilali yaseSheshegu eDutywa ngethuba ibhiyozela iminyaka elikhulu UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMatiloshe uthi xa eye kwagqirha ufika kwakhe abeke ibhegi aququzele njengesiqhelo, kwaye kusa zithomalele iingqaqambo. Uthi ukulala kokona kumgulisayo. Le nkondekazi, nebizwa ngesiduko sayo uMaGqunu, kwizigulo zonke ezikhoyo ezihlasela abantu abadala sinye kuphela, sesamathambo, nesenza kube nzima kuye ukulala ngamacala, nathi kuba ngcono xa elele ngomqolo.

Inkondekazi yakwaMatiloshe kwilali yaseSheshegu eDutywa ngethuba ibhiyozela iminyaka elikhulu UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMaGqunu uthi amanina ale mihla asakhulayo ukuze afikelele nawo kule minyaka akuyo kukulandela la ndlela yabo yakudala, le yokusebenza nzima ifana nokuhlakula, lingaphumi ilanga ilele intombi, kwanokolusa imfuyo “ hayi lo mchamzo wenzekayo”.

UMaGqunu kambe esaphilile usakhumbula nohlobo awadibana ngalo nomyeni wakhe uDlamini ngaloo minyaka. “Wayekhwele ihashe ngolo suku kusekuseni ndiphuma ekhaya, wamisa ihashe lakhe, wathi molo ntombi, uyaphi? Wathi kuphi kowenu, ndamxelela, akathetha nto wahamba. Kwakusa ndabona amadoda amabini ehleli ecaleni kothango, wabe ekhona nalo mfana ebendithethisa izolo. Bafika ndibopha iinkabi zasekhaya ndiyokukha amanzi emlanjeni eNqabarha.”

“Ndaqaphela uthando ndiququzelelwa ekhaya ngolo suku, into engaqhelekanga kanti bayayazi bandendisela kulo mfana sabe singazani,” utshilo uMaGqunu.

Nangona nje le nkondekazi, ingasenawo namazinyo inezisini ngenxa yokuguga, kunjalo usakwazi ukutya umngqusho neenkobe, ithi iye iziqhekeze iinkobe izenze iingceba xa izitya. Uthi ukutya iirayisi akanokuba salunga.

Uqhube wathi uzele kade emva kweminyaka emihlanu endile yabe indoda izula esithubeni. Uthi waqala ngamawele emva kokokusokola. Uthi elinye wayelibeleka emqolo, elinye iwele alifake e-emeleni xa eyokukha amanzi.

UMaGqunu unabantwana abasibhozo kubo kukho amawele amathathu. Abazukulwana bakhe bayi28, ze isizukulwana sibe li-13.

Enye yeentombi zale nkondekazi encokole nephephandaba I’solezwe nguLebethu. Uthi kuninzi abakufunda kumama wabo kuba besafunda nangoku. “Sisesemizini yethu nangoku ngenxa yokufunda kumama, imbeko, ukuthobela kwanokuhlonipha indoda sakopa kuye ngohlobo awayehlonipha ngalo utata wethu.”

“Wayesixelela ukuba apha ekhaya asinandawo, masingagcwalisi iziko lakhe, masiye emizini. Senda ke sisendiselwa ebantwini esingabaziyo, sisekubo ke nangoku,” utshilo uLebethu.

Kwangolu suku lwale nkondekazi, kuphiwe oomakhulu abangamashumi amabini (20) iingubo zokulala zobusika nguMasipala wabo uMbhashe, ngeenjongo zokuvuyisana nale nkondekazi.