UFassi unikwa ithuba lokuqala kwiSpringbok!

Aphelele Fassi ngumdlali weCell C. Umfanekiso: Steve Haag/Gallo Images

Ulonwabo belubhalwe ebusweni kumqeqeshi weSpringbok, uJacques Nienaber, ngethuba ebhengeza amagama wabadlali abaza kuqala umdlalo wakhe wokuqala ukusukela oko wanikwa isikhundla sokuqeqesha ngo-2020. AmaBhokobhoko aza kuswantsulisana neGeorgia emdlalweni wovavanyo wokuqala eLoftus Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngomso. Ukusukela oko aphumelela iNdebe yeHlabathi ngo-2019 kwilizwe laseJapan, AmaBhokobhoko zange alifumane ithuba lokudlala ngenxa yeKhorona esaphethe mbengwana abantu bezizwe zehlabathi. UNienaber uza kuchopha esitulweni njengomqeqeshi okokuqala. Nangona enemincili ngenxa yalo nto – kodwa abona bantu bonwabe kakhulu ngabadlali abanike ithuba lokuqala lokunxiba izikipha zeqela lesizwe loMzantsi Afrika. Abo badlali ngu-Aphelele Fassi noRosco Specman.

UFassi, yinzalelwane yaseQonce kwiphondo leMpuma Koloni, eyenze iziqwenga kwiqela lombhoxo laKwaZulu-Natal, iCell C Sharks, ukusukela oko kwathi kwavulwa inyoba yemidlalo yombhoxo kunyaka ophelileyo. Ukungena kukaFassi noSpecman kwiqela labadlali abaza kuqala umdlalo kuza emva kokungabikho kukaSbu Nkosi noMakazole Mapimpi abasavavanyelwa iKhorona. Abadlali abafana noKolbe, uJean-Luc du Preez noRG Snyman baphakathi kwabadlali abangazukudlala kuba befike kade enkampini eseBloemfontein. UNienaber uthethe wenjenje ngethuba esazisa iqela lakhe: “Ndiziva kamnandi njengoba ndide ndalifumana ithuba lokubhengeza iqela lam lokuqala. Bendicinga ukuba ngeke ndilifumane eli thuba ngoba kwakungo-2020 ukuchongwa kwam. Ndonwatyiswe kakhulu kukulifumana eli thuba.”

Nangona kukho abadlali abatsha nje kwiqela lakhe uNienaber – kodwa basekhona abadlali abaninzi abadlala itumente yehlabathi abaquka uSiya Kolisi osenguKapteni weSpringbok. “Sicinga ukuba sineqela elomeleleyo elihambelana ngqo nento esifuna ukuyizuza xa sidlala neGeorgia. Abadlali abaninzi bebedlale kwitumente yehlabathi, kanti abanye kudala beyinxalenye yaMabhokobhoko. Siyakuvuyela nobukho babadlali abatsha emva kokuzibonakalisa emaqeleni wabo,” utshilo uNienaber. “Wonke umdlali osenkampini ukufanele ukunikwa ithuba lokudlala emva kokuzibonakalisa ngethuba sizilolonga. Silindele iGeorgia ize kuthi ivutha. Kufuneka sidlale kakuhle ukusuka ekuqaleni ukuya ekupheleni komdlalo. Sizimisele ukwenza umsebenzi obonakalayo kule midlalo yovavanyo emibini,” utshilo uNienaber.

South Africa: 15 Willie le Roux, 14 Rosko Specman, 13 Jesse Kriel, 12 Frans Steyn, 11 Aphelele Fassi, 10 Handre Pollard, 9 Cobus Reinach, 8 Kwagga Smith, 7 Pieter-Steph du Toit, 6 Siya Kolisi (uKapteni), 5 Franco Mostert, 4 Eben Etzebeth, 3 Trevor Nyakane, 2 Bongi Mbonambi, 1 Ox Nche

Amalalela: 16 Malcolm Marx, 17 Steven Kitshoff, 18 Frans Malherbe, 19 Marvin Orie, 20 Jasper Wiese, 21 Herschel Jantjies, 22 Elton Jantjies, 23 Damian Willemse.