Lisigqumzile iSebe lezeMfundo’

 

“Ndiphele ndingumntu onesifo soxinizelelo ngoku ngenxa yokuba singade sibhatalwe iimali zethu liSebe lezeMfundo. Ndiyazisola, akwabe ndandingaqalanga kwaukutyikitya, ndihlale ekhaya njengaphambili apho bendingenathemba lamali okanye la nto.” Eli ligqiyazana (26) eliphakathi kwenginginya ebiqeshwe njengabancedisi ezikolweni, abaziwa ngokuba ziEAs neGSAs ngeyoMdumba kulo nyaka, beqeshwa lisebe lezeMfundo ezikolweni zeli phondo ngenjongo zokuncedisana nootitshala ngexesha lentsholongwane yeCovid-19.

“Andinabazali, ndim osekhaya. Ukuba ubhuti ebengekho inokuba ngendingaphumi phandle ngenxa yokubaleka abantu ngamatyala endiwenzileyo okukhwela xa ndisiya emsebenzini, ndinethemba lokubahlawula xa ndithe ndahlawulwa lisebe. Bendiye ndiyiphiwe ngubhuti qho eyokukhwela xa ndisiya esikolweni ebendikuso yonke imihla ezinyanga zimbini, ukuya yiR18.00 nokubuya yiR18.00 yonke imihla. Ngokuboleka ebantwini bendiphumza ubhuti wam. Andinabhongo, amatyala andishiye ndinoxinizelelo ngenxa yethemba lokuba ndiza kurhola. Abanye bangcono sele bekhe baxhamla, mna oko ndaqala andizange ndiyifumane,” litshilo eli xhoba legqiyazana.

Umpoposho kulutsha lweli phondo uvakale ngeyeDwarha 2020, ukhutshwa lisebe ekubeni luse iiCV zalo koomasipala balo kuba luza kuqeshwa ezikolweni ngenjongo zokuncedisa ngaphakathi. Ebebekwenza bebeqinisekisa ukuba abantwana bazifakile izifonyo (maski) bonke, besanithayizwa izandla xa bengena, bekwancedisa nokuhlohla ngaphakathi emagumbini kwaye abanye bebencedisa nokucoca isikolo sonke bajonge nokuba baqelelene na abantwana.

Imali ekwakuvunyelenwe ngayo abaza kuyirhola ngenyanga umntu emnye yiR3500.

Abanye baqale ngeyoMnga logama abanye beqale ngeyoMdumba. Isivumelwano sona siphelelwe ngenyanga yoKwindla (March), babe abanye bengazanga bawubona umvuzo wabo logama abanye benentlahla bekwazile ukuwufumana zombini iinyanga.

Olu lutsha luthi luhliswa lusonyuswa lisebe nelibabhanxayo limane libeka usuku lokurhola kodwa imali ingaze ingene xa lufikile olo suku.

Omnye kwaba bebebhalele eli phephandaba, I’solezwe lesiXhosa, uthi baya kwiofisi yesithili sabo yeli sebe bathenjiswa ngokuba umcimbi wabo uqwalaselwe kwaye banikwa neleta eqinisekisayo ukuba ngomhla wama21 kwinyanga esiphuma kuyo (eyeSilimela) baza kuhlawulwa. Bathi kwasa behleli bejonge ukukhala kweefowuni zabo, zange ingene kunanamhlanje imali.

Abanye bathi bancedisiwe nazinqununu zezi zikolo bebekuzo, bebasela amagama wabo kwizithili, kodwa zibuye nelize.

Omnye oncokole neli phephandaba ongafunanga kuchazwa, uthi oku kubuyisela umva iimpilo zabo kuba kusa behleli ngenxa yamatyala abawenzileyo benethemba lokufumana imali abayinikwa leli sebe. Uthi kungcono kwalo usebenza kwiivenkile zamaChina kuba uyazazi ngosuku oluthile uyarhola kunabo abangazaziyo kwaye abangenalo nosuku lokurhola.

” Bendizithengisela umthetho wam, ndineshishinana phambi kokuba ndiqeshwe leli sebe. Ndanethemba lokubanayo nenkunzi, ndonyuse ishishini lam kuba ndingade ndiqeshwe kwinto endandiyifundele. Bendicinga kobakho utshintsho endaweni yoko ndiye ndidodobala.

Olu lutsha belibhalele eli phepha uninzi lwalo luthetha into enye yokungarholiswa kwalo nokungananzwa kwezikhalo zabo leli sebe. Luthi kudala lungena kule minyango lucinga ukuba inoncedo, luthenjiswa, sekude kwaphela naloo mathemba.

Bathi njengokuba isisigaba sesithathu seCovid-19 baza kuphinda babe nomdla njani ukubuyela ezikolweni xa eli sebe libaqhuba kanje, njengoko umphathiswa weMfundo esiSiseko edize ukuba baza kuphinda babuyele xa kuvulwa kweyeKhala.

Ezi zithili yiAmathole East neWest, Alfred Nzo, Joe Gqabi, BCM, Sara Baartman, OR Tambo East neWest kwakunye neChris Hani East neWest.

NgoMvulo, emva kwentetha kaMongameli wesizwe yangorhatya ngeCawa, uMphathiswa weMfundo esiSiseko uAngie Motshekga uyichaphazele le nyewe yokungabhataleki kwezi EAs kwakunye neGSAs. Udize ukuba imali iza kufumaneka kwabo bangekafumani kuba isebe liza kuphinda libe nabancedisi kwakhona xa kuvulwa nge19 yeKhala.