Enkosi ngoncedo, andivumi ngesondo!

UMNTU omtsha onombono makawusebenzele nzima ngokuthi ankqonkqoze kwiminyango enokumnceda, kodwa ungakhe wabelane ngesondo nomntu ngenxa yokuba ufuna ukuncedwa kwinto ethile.

Oku kuthethwe nguMphathiswa wezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, uFezeka Nkomonye, kumsitho obubanjelwe eICC kwimpelaveki esiyishiya ngasemva yamawonga olutsha lwaseMpuma Koloni (Eastern Cape Youth Awards).

La mawonga asekwe ligqwetha uBuhle Tonise. Lo ibingunyaka wokuqala wala mawonga emva kokuphazanyiswa kukuvalwa kweentshukumo elizweni kunyaka (2020) ebekufanele ukuba aqale ngawo.

UNkomonye, itshantliziyo lezopolitiko, wenze umbulelo kuTonise, esithi ayivamanga into yabantu abatsha abaqala izinto phambi kokuba bayokucela inkxaso.

“Siyabulela kakhulu nkosazana ngokwenza umsebenzi omhle kangaka. La mawonga abaluleke kakhulu kuba enza inkuthazo kubantu abatsha. Imisitho efana nale isinika iqonga njengabantu abatsha ukuze sifumane amandla okuqhubela phambili nemisebenzi yophuhliso,” utshilo uNkomonye.

UMphathiswa uFezeka Nkomonye UMFANEKISO: FACEBOOK/ EC YOUTH AWARDS

Ekhuthaza abantu abatsha, uNkomonye uthe: “Qhubani nokusebenza nzima bantu abatsha. Ungathi xa unkqonkqoza kumnyango othile, utyhafe ngenxa yokuba kungavulwanga. Yiba nombono okuqhubayo kwaye ungawuvumeli ukuba ufe, ngenxa yokuba kuvalwe amathuba kwaye sukulindela ukuba kuvulwe amathuba.”

“Urhulumente uwavulile amathuba, kodwa ngelishwa hayi onke loo mathuba aza kuza kuwe emnyango. Phuma phandle uzizingelele. Thatha ezo selfie, ujayive xa kufuneka ujayive, kodwa ungakhe wabelane ngesondo nomntu xa ungafuni. Musa ukwabelana ngesondo ngenxa yokuba umntu kufuneka ekunike imali okanye ekuncedile. Umntu athi ‘kufuneka uqale ulale kuqala’. Ungakhe uyenze lo nto,” utshilo uNkomonye.

Ethetha kula mawonga, uSekela Somlomo weNdlu yoWiso-Mthetho, uMlibo Qoboshiyane, uthe: “Abantu abatsha bephondo lethu bakwithuba ngoku lokuthabatha wonke umthwalo oza emagxeni kubo. Eli phondo lithe gqolo ukuvelisa abantu abasebenzela eli lizwe. Ukuze kuqhubeke oko, sifuna abantu abatsha abanyanisekileyo ngeembono zabo kuba kubantu abatsha, sibona ikamva.”

Ebelishumi elinesine amawonga ekuthe kwakhutshiswana ngawo ngabantu abatsha beli phondo. Umntu ngamnye ebezigayela inkxaso emva kokuba echongiwe. Kwibakala ngalinye bebebathathu abachongwa.

Nkosinathi Makamela UMFANEKISO: FACEBOOK/ EC YOUTH AWARDS

UNkosinathi Makamela, ophumelele kwicandelo lezolimo, uthe: “Ndiyavuya kakhulu ngeli wonga. Ndiqale ishishini lezolimo kunyaka ophelileyo, ndiliqala ngemali kaNSFAS. Ingcingane yeli shishini iqale ngo2019, kodwa ndaye ndaswelekelwa ngumama wam.”

“Bekukudala ndifuna ukuqala eli shishini qha ndingalazi ukuba ndiza kuliqala njani. Ndibulela ukuvalwa kweentshukumo elizweni (Lockdown), kuba emva kokuba kuthwe masigoduke kwiiyunivesithi, ndagqiba kwelokuqala ishishishi lam ngala mali kaNSFAS. Ndiyabulela kakhulu nakubantu abathe bandivotela,” utshilo uMakamela.

UYolanda Mbolompo, weAfro Bae, uphumelele kwiwonga lezoshishino. “Mandibulele kuwe sisi Buhle, enkosi kakhulu. Ngo2018 ngethuba ndiqala iAfro Bae, ndabanamandla kuba abantu babekholelwa kum xa ndandisazisa ngeshishini lam.”

“Kwiminyaka emibini emva koko, iAfro Bae inabantu abayisa ebantwini (distributors) abangangaphaya kwamakhulu amathathu (300) kwakunye nabasebenzi besigxina abalithoba,” kutsho uMbolompo.

Yolanda Mbolompo UMFANEKISO: FACEBOOK/ EC YOUTH AWARDS

UTonise uthi la mawonga asekelwe ukunika inkuthazo kubantu abatsha beli phondo, bazive bexabisekile kwiphondo labo phambi kokuba bayokubhiyozelwa kwamanye amaphondo.

Uluhlu lwabaphumeleleyo:

1.Kwezemfundo: Avuyile Xabadiya (29)

2.EzobuGcisa neNkcubeko: Naledi Ndamase (30)

3.Ezempilo: Gqr. Angela Hartwig

4.Inzululwazi nobuChwepheshe: Luvo Grey (28)

5.Abemibutho yasekuhlaleni (civil society): Athenkosi Fani (24)

6.Usomashishini wasekuhlaleni (Social Entrepreneur): Siyakholwa Zazini (24)

7.Ubulungisa nezomthetho: Lutho Klaas

8.Ulawulo lwemisitho (event management): Nkokheli Twabu (31)

9.Ezemidlalo: Akhona Makalima (33)

10.Ezosasazo/Ezobuntatheli: Ntombozuko Balintulo (24)

11.Ezopolitiko noRhulumento: Melikhaya Mcitwa (31)

12.Ezolimo: Nkosinathi Makamela (21)

13.Ezoyolo: Master Dee Zilimbola

14.Usomashishini (Entrepreneur): Yolanda Mbolompo (29)