Ulwaluko: ‘Lo rhulumente uyasikhwenkwa’

ABAZALI abangakholwanga sisigqibo sikarhulumente sokuvala ulwaluko, kwiiveki ezimbini emva kokuba bekuthwe maluqale, baphalaze imbilini yabo besithi baxakene nabantwana abaphuma izithuba befuna ukwaluka ngenkani.

Emva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa ebhengeze ngeCawe ukuba ilizwe linyukela kwiBakala leSine (Level 4) lokuvalwa kweentshukumo elizweni, uMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento kwaneMicimbi yeMveli, uNkosazana Dlamini-Zuma, ubhengeze kwigazethe karhulumente ukuba ulwaluko lwexesha lasebusika aluvumelekanga ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga yeSilimela.

Liphinde lavalwa isiko lolwaluko emva kokuvulwa iiveki ezimbini Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Ngaphambili urhulumente ebebhengeze ukuba isiko lolwaluko liza kuqhuba kweli xesha lasebusika, kodwa wathi yona imigidi ayizukuqhuba. Kodwa emva kwexeshana, wabuya kwakhona urhulumente esithi imigidi iza kuqhuba.

Kodwa ngoku urhulumente uthi inkwenkwe engekoluki ayivumelekanga ukuba yoluke phantsi kwale miqathango mitsha kaLevel 4.

Inkwenkwe ebisele yolukile iza kuqhuba nenkqubo yolwaluko, kodwa imigidi iphinde yabhangiswa ngokwalo mthetho mtsha. Eyolukileyo inkwenkwe emva kokupapashwa kwale mithetho mitsha, iza kubona elo bhuma layo lichithwa ngabasemagunyeni.

Umzali obhalele I’solezwe lesiXhosa ngoLwesibini wale veki, uthe: “Sendilungisile nezidudu zam kwaye neempepha zikagqirha zomntwana zikhona. Umntwana wam uthi uza kuzibulala xa kungolukwa. Umntwana wam ebegqiba ukubhala iimviwo namhlanje (Lwesibini, 29 kweyeSilimela). Ithiwani into enje?”

Omnye umzali ubhale wathi: “Urhulumente uvuma njani ukuba amakhwenkwe oluke aphinde avale ngoba kaloku thina isiko lethu asilishiyi phakathi.”

“Lo rhulumente uyabonisa kwakhona ukuba akanaxesha lesiko lolwaluko. Kukusikhwenkwa kaloku ngalo ndlela enza ngayo,” utshilo omnye umzali.

Omnye umzali uthe: “Sinayo inkwenkwe apha ekhaya, esuka eKapa. Sele iyile kwagqirha yavavanywa. Bekufanele ukuba yoluke kunyaka ophelileyo kodwa ayakwazi ngenxa yeLockdown. Ngoku isixakile ayifuni nokuva. Uloyiko lwethu kukuba idibane nabantu bayoluse ngokungekho semthethweni, nto leyo singayifuniyo kuba sifuna yoluke ngokusemthethweni.”

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli ephondweni, uXolile Nqatha, uthe: “Umsinga wesithathu (Third Wave) uze ngamandla, masisebenzisane ukuqinisekisa ukuba akukho mabhuma amatsha kwiindawo zethu. Amagosa ezomthetho wethu akulungele ukuqubisana nokwaphulwa kwemiqathango kuquka nokuchitha amabhuma angekho semthethweni.”