UMnu. Dumisa Ntsebeza uphenya ubuhlanga obenziwa kwiCricket SA

Mnumzana uDumisa Ntsebeza.

Ngamashumi mabini anesixhenxe eminyaka uMzantsi Afrika wazuza inkululeko. Into ethetha ukuthi bonke abantu bekufanele banamalungelo alinganayo kuzo zonke iindawo. Akunjalo kwiqakamba yaseMzantsi Afrika. Ngonyaka ka-2021 kusathethwa ngobuhlanga, ucalucalulo nokunyhashwa kwamalungelo wabadlali abamnyama, amaNdiya nabebala. Yiyo lo nto ekuqaleni kwale veki kuye kwasungulwa inkqubo yokuzisa ubulungisa (Social Justice and National Building project) ekhokelwa ligqwetha elaziwayo, uMnu. Dumisa Ntsebenza. Kulindeleke abantu babhentsise zonke izinto ezigwenxa nezibangele kungabikho inguqu emdlalweni weqakamba phantsi kwesikhokelo seCricket South Africa (CSA).

UMnu. Ntsebeza uza kusebenzisa amava wakhe njengegqwetha elaliphambili kwinkqubo yoxolelwaniso (Truth and Reconciliation Commission) eyayisekelwe ukujongana namatyala enkohlakalo awenziwa ngabantu ababesebenzela uRhulumente wobandlululo phambi kuka-1994. Ngokutsho kwabadlali abamnyama, iqakamba ayikaguquki ngendlela efunekayo. Ngamanye amazwi, abantu abamhlophe basaphathwa bhetele kunabanye. Iziphumo zophando lukaMnu. Ntsebeza zakuguqula izinto ezininzi ukuba iCSA ayiphindanga yapheqa. Umntu wokuqala onike ubungqina ngemiba yocalulo, ubuhlanga nokucotha kwenguqu ibe nguGqirha Eugenia Kula-Ameyaw obekade eyingqonyela yeCSA. UKula-Ameyaw uthe abadlali beqakamba abamhlophe basabhatalwa imali engaphezulu kunabebala, amaNdiya nabamnyama.

Lo nto yenzeka kumaqela esizwe wamadoda nawamanenekazi. Abona badlali abamkeliswa kancinci eMzantsi Afrika kwiqakamba ngabebala. Umzekelo awenzileyo ngemivuzo: umdlali omhlophe ufumana iR156 216, omnyama yiR114 191, oliNdiya yiR105 209 yena owebala agoduke neR79 194. Oku kuthethwe nguKula-Ameyaw ezama ukubonisa ubunzulu bocalucaluko kwiCSA. Abadlali, imibutho yeqakamba nabanye abantu sele bazisa ngaphambili izinto ekudala zibatya ngaphakathi. Konke oku kwaxhokonxwa nguLungi Ngidi owayexhasa iphulo elalisithi “Black Lives Matter” emva kokubulawa kukaGeorge Floyd omnyama lipolisa elimhlophe kunyaka ophelileyo eMelika. Abanye ekulindeleke bavele phambi kwekomishini baquka uMax Jordaan, uZola Thamae noNgconde Balfour owayenguMphathiswa weZemidlalo.