Kumaxwebhu yiRDP egqityiweyo, ekhayeni ngumsele

INDLU yeRDP kaVusumzi Banzana (72) waseTyutyu eBhisho yaphunyezwa ngumasipala waseBuffalo City kwiminyaka eliqela edlulileyo kwaye kumaxwebhu ivela njengendlu esele igqityiwe ukwakhiwa, kodwa kwisiza ngumsele kuphela into ekhoyo.

Endaweni yokonwabela ukuhlala kwindlu esemgangathweni njengomntu omdala, uBanzana uthe gqolo ukwehla esenyuka ebuza kumagosa karhulumente ukuba iya kuze igqitywe nini ukwakhiwa le ndlu ikwisiza sakhe. Impendulo ayifumanayo kukuba indlu yagqitywa kudala ukwakhiwa kwisiza sakhe.

UVusumzi Banzana kumsele ovela njengendlu yeRDP egqityiweyo kumaxwebhu kamasipala waseBCM UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

“Ndingene ndiphuma kwiminyango ngeminyango yamagosa kamasipala (BCM). Elinye igosa kwamasipala landixelela ukuba indlu yam ivela njengendlu esele yakhiwe,” utshilo uBanzana, okhe wabhalela noMkhuseli woLuntu (Public Protector) ngale nyewe.

“Xa eli gosa lisithi indlu yam yakhiwe, ndathi makahambe nam siye ekhaya siyokuyibona. Leza eli gosa, xa lifika akukho ndlu emva koko lemka lisithi liyabuya. Lisabuya ke nanamhlanje.”

UBanzana, ochithe ixesha elininzi esebenza kwimizimveliso yaseDimbaza, uthi isiza sakhe wasifumana phaya kwiminyaka yoo1970. Ngenxa yokungabinamali yoneleyo, uBanzana uhlala kwityotyombe.

“Singabahlali sasibhalise izindlu, ezinye zakhiwa izindlu. La nyaka kwakusakhiwa izindlu, kweza amagosa akwamasipala azokugrumba apha kwam, esithi indlu iphunyeziwe. Emva kokuba kwakhiwe kwabanye abantu ababegrunjelwe, esi sam isiza bekugrunjwe kuso zange sakhiwe.

“Oko babegrumbe ngelo xesha, abazange basitsho isizathu sokushiya umsele kwam. Lo msele ubangela ukuba kuhlale amanzi xa kuna imvula.”

UVusumzi Banzana kumsele ovela njengendlu yeRDP egqityiweyo kumaxwebhu kamasipala waseBCM UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UBanzana uthi emva kokuba ethe gqolo ukubuza ngale ndlu, abasemagunyeni bathi kungenxa yokuba kuza kuqalwa ngombhobho wokuhambisa ilindle. “Umbuzo wam kukuba kwakutheni ukuze bangaqali bayenze lo nto phambi kokuba bayokugrumba umsele kwam, beshiya bendinika ithemba lendlu kanti ndiyaqhathwa.”

“Ityotyombe endihlala kulo liyanetha xa kuna imvula. Ehlotyeni ndibanexhala kakhulu kuba eli tyotyombe linetha kume amanzi. Ndikhe ndathenjiswa nangendlu yethutyana, kodwa asizange sifezekiswe eso sithembiso. Eyona nto ndiyifunayo kukuba le ndlu yakhiwe igqitywe,” utshilo uBanzana.

Isithethi saseBCM, uSamkelo Ngwenya, uthe: “Isebe lezindlu laseBuffalo City likwiphulo lokuthethathethana norhulumente wephondo ukuvuselela ulwakhiwo lwezindlu eTyutyu Village.”

Olu lwakhiwo lwezindlu, kutsho uNgwenya, luye lwanqunyanyiswa ngenxa yokushokoxeka kwemali.

“Indlu katata uBanzana ekwisigaba sesibini (Phase 2) iza kusele idityaniswa nezindlu eziza kuqalwa kwisigaba sesithathu (Phase 3),” utshilo uNgwenya.