Kubhubhe abakhwetha abalishumi elinanye!

NGABAKHWETHA abalishumi elinanye, kuquka kubo oneminyaka elishumi elinesine, abathe babhubha ngenxa yolwaluko olugwenxa ngeli xesha lolwaluko lwasebusika.

Isebe leNtsebenziwano kuRhulumento kwakunye neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni lithi isithandathu kwaba bakhwetha sibhubhele kwingingqi yaseOR Tambo.

Akukho ngqiniseko yokuba aba bakhwetha babhubhileyo kobu busika ngabokugqibela, de isebe lenze ingxelo egqibeleleyo ekupheleni kwale nyanga.

Noxa nje ingxelo egqibeleleyo ingekakhutshwa, isebe lithi ubuninzi baba bakhwetha babhubhileyo bakwiqela eloluke ngexesha apho besele livaliwe ngurhulumente eli siko.

Kubhubhe abakhwetha abalishumi elinanye kobu busika Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Ulwalulo lwasebusika beluhlelelwe ukuqala ngomhla weshumi elinanye kwinyanga yeSilimela de kube ngomhla wamashumi amathathu kweyeKhala. Kodwa ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyeSilimela, urhulumente wabhengeza ukuba lumisiwe ulwaluko emva kwesigqibo sekhabhinethi sokufaka ilizwe kwiBakala leSine lokuvalwa kweentshukumo elizweni.

Ngethuba lesi sibhengezo, urhulumente wathi amakhwenkwe asele olukile aza kuhlala emabhumeni de abe kanti aphilile, kodwa kwatshiwo ukuba imigidi ayivumelekanga.

Esi sigqibo asizange setyiswe ngendlela encumisayo luluntu, bambi begxeka urhulumente ngokungazinzi ekumiliseni imithetho yeCovid-19.

Isithethi sesebe leNtsebenziwano kuRhulumento kwakunye neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, uMamkeli Ngam, udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho ezibhujelwe ngabakhwetha.

Ngokoluhlu, abakhwetha ababhubhuleyo babini eFlagstaff, ze baphinde babe babini eSajonisi, logama emnye eLundini, Enoch Mgijima, Mhlontlo, Nyandeni, Amahlathi, Buffalo City kwakunye nakuNtabankulu.

UNgam uthi kwaba babhubhele eSajonisi kukho umkhwetha oneminyaka elishumi elisine. Kumasipala iAmahlathi umkhwetha ubhubhe emva kokutsha nebhuma, utshilo uNgam.

“Sicela abazali ukuba baqiniseke ngempilo yabantwana babo xa bolukile. Ikhankatha nengcibi eyolusa abantwana mabaziwe ngabazali kwakunye noluntu ukuze kunqandeke ubugwenxa,” utshilo uNgam.

Ethetha eBhisho ngoLwesibini, iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthe oku kubhubha kwabakhwetha ngeli xesha lasebusika liza emva kweenzame ebezenziwe ngurhulumente ukunqanda ukubhubha kwabakhwetha.

“Oku kuthetha ukuba ukutyeshelwa kwemithetho yesiko lolwaluko kuyaqhubeka nokwenzeka,” utshilo uMabuyane.