‘Sizwe samaXhosa sanukukhombisa ukudelela’

INDODA yaseMzimkhulu, idolophu yaKwaZulu Natal ekude kufuphi naseKokstad, imemelele kwiKomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyana ukuba lohlukane nento eyichaza “njengomkhuba” wokuthi umhlaba weli Komkhulu uqala eMzimkhulu uyokuma eKapa.

Le ndoda, uAnele Shangase, uthi kudala eyimamela le nto ithethwa yiKumkani yamaXhosa ekhothamileyo, uMpendulo Zwelonke Sigcawu, kwanekumkani ekhoyo ngoku uAhlangene Vulikhaya Sigcawu.

Idolophu yaseMzimkhulu yayifudula iphantsi kwephandle elalifudula lisaziwa njengeTranskei. Ukanti nangaphantsi kwedemokhrasi le dolophu iqhubekile nokuba ngaphantsi kweMpuma Koloni de kwango2006, apho yathi yaphantsi kweKZN.

IKomkhulu lamaXhosa eNqadu lihlala liyithetha ngokuphandle eyokuba umhlaba walo uqala eMzimkhulu uyokuma ngeKapa.

Kungekudala iKomkhulu lamaXhosa liza kubhengeza inyathelo lebango lomhlaba wamaXhosa UMFANEKISO: TWITTER/ ATULE JOKA

Kwincwadi ayibhalele I’solezwe lesiXhosa, uShangase uvula amazwi wakhe esithi: “Ndicela ukukhalimela umkhuba ombi esimane siwubona wenziwa ziinkosi okanye iikumkani zamaGcaleka okunguKumkani Zwelonke Sigcawu okhothamileyo kwakunye noKumkani Vulikhaya Sigcawu okhoyo.”

“Lo mkhuba siqale ukuwuva uthethwa yikumkani ekhothamileyo, ngoku siwuve uphindwa yikumkani esesihlalweni ngoku. Bathe gqolo bephakama phambi kwesizwe abasikhokeleyo besiphithanisa ngokuthi umhlaba wamaXhosa uqala eMzimkhulu uyokuma eKapa.

“Besingathandi ukuyiphendula le nto ngoba ikhombisa ukudelela nokujongela phantsi ookhokho bethu abalwa bafa belwela lo mhlaba, kuzothi ekugqibeleni kuvele amadoda akooMbhashe River nakooNciba athi umhlaba ngowawo. Oku kuvusa umnyele futhi kungadala intlokomo engekho ntle, engaphela idala impi nokungahlalisani kakuhle kwezizwe,” kutsho uShangase.

Echaza ngalo mhlaba, uShangase uthi: “UMzimkhulu uqala ezintabeni uKhahlamba uyokuma ngolwandle kwindawo ekuthiwa yiPort Shepstone. Isizwe sokuqala eMzimkhulu ukuzinza sisizwe sakwaMthwane namaZotsho nabaThwa. UMthwane wawuseNtumbankulu (kwaDweshula) eShepstone, amaZotsho ooManci nabanye baseHarding, ngaseMzimkhulu idolophu yakwaDzanibe abafika kuqala. AmaXhosa athe xa evela ngasentla koozakubo amaNguni, ngoba ezi zizwe ndizibalileyo azingawo abeNguni. Kwathi ke xa amaXhosa engaseNtumbankulu endleleni yawo eyehlayo esuka kumaNguni kwakhothama inkosi yawo uMalangana basele becela esizweni sakwaMthwane ukumfihla ngoba wayengekhe alahlwe umntu.

Ngenene kwavunywa kwaMthwane wafihlwa uNkosi Malangana. Seso sehlo esi sisiva sekuthiwa umhlaba wamaXhosa uqala eMzimkhulu ngoba kunengcwaba likaMalangana. Umhlaba siwubanga ngamangcwaba? Njengoba amaXhosa ayevela ngentla nezwekazi leAfrika azohamba esithi umhlaba wonke adlule kuwo ngowawo?” kubuza uShangase.

Isithethi seKomkhulu lamaXhosa, uNkosana Ndabele Bangisizwe Mtoto, uthe: “Lo mfo (Shangase) unalo ilungelo lokuvakalisa uluvo lwakhe, asimi phambi kwakhe. Thina siliKomkhulu simile kwelithi umhlaba kaXhosa uqala eMzimkhulu ukuya kuma ngeKapa.”

UMtoto uthi “liza kuza ixesha lokuba indoda ephikisana nale nto siyithethayo, iyithethe lo nto kwinkundla yomthetho kuba siza kuya khona thina kungekudala mayelana nemida yomhlaba kaKumkani (Vulikhaya)”.

“Ukuba uKumkani Malangana useMzimkhulu, wayeyokuthini apho? Thina sineengcali zembali esisebenza nazo, eziyithethayo le nto yokuba umhlaba kaKumkani uqala eMzimkhulu uyokuma ngeKapa. Umntu ophikisana noko makatsho ngembali engenakuthandabuzwa,” kutsho uMtoto.

UMtoto uthi akukho nto ayibona njengenokudala ingxabano kwiintetho zeKomkhulu malunga nemida yomhlaba.

“Akukho nto iza kuxabanisa bantu ngeentetho zikaKumkani. Kungekudala siza kubhengeza inyathelo lethu lokubeka elubala imida yomhlaba kaKumkani Vulikhaya. Ukuba abantu bayakhumbula, isatifiketi sikaKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu sasisithi uyiKumkani yamaXhosa jikelele, ngokuhambelana nezindululo zeKomishini kaNhlapo,” kutsho uMtoto.