Isimilo nemfihlo ngundoqo kubumongikazi

XA ethetha uyabonakala ukuba udalwe njengomntu ongathandi ukuthetha, kodwa enalo uphawu lobubele.

Kodwa uthi ukukhetha ikhondo lokuba ngumongikazi kwamtshintsha kakhulu kwamenza umntu osisithethi.

Konke oku sikubona ngethuba simtyelele eMchubakazi eGcuwa ukuze senze udliwanondlebe noSister Ntombenceba Phandle osandula ukuthabatha umhlalaphantsi emva kokusebenza kwisibhedlele saseGcuwa njengomongikazi ukusukela kweyeSilimela ngo1986.

Simbuza ngezinto ezininzi. Ezona zigulo zakhe zaxhomisa amehlo agagene nazo njengomongikazi? “Yintsholongwane kaGawulayo kwakunye nale Covid-19,” kuphendula uPhandle.

Obesakuba nguMongikazi uNtombenceba Phandle nosethathe umhlalaphantsi emva kokusebenza kwisibhedlele saseGcuwa kusukela ngonyaka ka1986 Umfanekiso: BHEKI RADEBE
Obesakuba nguMongikazi uNtombenceba Phandle nosethathe umhlalaphantsi emva kokusebenza kwisibhedlele saseGcuwa kusukela ngonyaka ka 1986-Umfanekiso BHEKI RADEBE
Obesakuba nguMongikazi uNtombenceba Phandle nosethathe umhlalaphantsi emva kokusebenza kwisibhedlele saseGcuwa kusukela ngonyaka ka1986 Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Yintoni le yayisenza iHIV/Aids yoyikwe okanye ixhomise amehlo? Stigma [ukubekwa ibala]? “Ewe kukubekwa ibala kuba umntu onentsholongwane kaGawulayo uye ajongwe njengomntu obengaziphathanga kakuhle.”

Le maski (isifonyo) sisinxibileyo siyayithintela nyhani le Covid-19? Siyaphinda siyambuza, ngenxa yokuba sifuna olu lwazi lwasimahla lwezempilo luphambi kwethu. “Ewe yinxibeni imaski, iyakhusela kakhulu,” kutsho uPhandle.

Kukhe kwakho nesifo sephepha, apho uPhandle athi sona sasibekwa ibala lokuba umntu onaso ungumntu ohluphekileyo. Kodwa sona isifo seswekile, kutsho uPhandle, sasingabekwa ibala. “Endaweni yoko umntu oneswekile ebede afune nokwaziwa kuba kwakukho ingcingane yokuba sifunyanwa ngabantu abangahluphekanga. Kodwa zonke zizifo ezi kwaye ziyabulala. Into efunekayo kukuba umntu onazo ayazi indlela yokuzilawula.”

Apha ekuthetheni kwethu naye, kungena amaqebengwana ekhatshwa sisiselo esihlwahlwazayo kwakunye nejusi. Sesiphi ke esona siselo sisempilweni ukodlula esinye kwezi? Impendulo: “Yijusi”. Uyaphinda achaze ukuba indlela eyiyo yokuziphatha nento oyityayo ngoyena ndoqo wempilo yobomi bakho.

Ukusuka ekubeni ngumncedisi kubumongikazi (nursing assistant), ekubeni ngumncedisi ophezulu kubumongikazi (senior nursing assistant), ukuya ekubeni ngumongikazi onamava athe xhaxhe (enrolled nurse), de walikhwahla kweli khondo (professional nurse), uPhandle ukubone konke kweli candelo.

“Ndingumntu onosizi malunga nomnye umntu. Kangangokuba ndabona ukuba ezinye izigulana ziyayiqaphela lo nto, ufike zindibiza kakhulu zindijikelezisa. Ndandingesiso isithethi ekukhuleni kwam, kodwa ndathi ndakufika kweli khondo ndangumntu othethayo.”

Ethetha ngokuqala kwakhe kweli khondo, uPhandle uthe: “Ngelo xesha yayingekabikho iLilitha Nursing College, sasiqeqeshwa ngurhulumente buqu. Ndaqeqeshelwa ukuba ngumncedisi kamongikazi. Emva koqeqesho saqeshwa sisibhedlele saseGcuwa.”

“Ngela xesha ke kwakungqingqwa kakhulu kwicandelo lobumongikazi, umzekelo isimilo kwakunye nokufihla imeko yesigulana yayiyinto ehamba phambili kakhulu. Thina saqeqeshelwa into yokuba nokuba kufowuna umama wesigulana, ulwazi awulukhuphi ngefowuni. Nokuba lo mama wesigulana ubumbonile esizisa isigulana esibhedlele kodwa imeko yesigulana ihlala iyimfihlo,” kutsho uPhandle.

Uthi uyakuhlala ezikhumbula ezo wodi zakwisibhedlele saseGcuwa. “Bekumnandi kakhulu ngendlela ebendisebenzisana ngayo noogxa bam. Yiyo le nto ndiye ndithi kwindawo yempangelo jonga le ndawo usebenza kuyo uyiyeke into ongenokwazi ukuyiphendula.”

UPhandle uthi inkonzo yobumongikazi ayenzileyo yonele. “Andinasicwangciso sakwenza nto ngaphandle kokuhlala nosapho lwam kuquka nabazukulwana bam.”