Inkxaso yeR40m kumashishini amancinane

URHULUMENTE waseMpuma Koloni uphumeze imali ekwizigidi ezingamashumi amane eerandi (R40 million) yokuxhasa amashishini amancinane eli phondo.

Phantsi kweNkqubo yeNkxaso kumaShishini amaNcinane (Informal Business Support Programme) esungulwe eMonti kule veki, urhulumente wephondo ujolise ekuxhaseni amashishini aliwaka.

Le nkqubo isungulwe liSebe leMicimbi yoPhuhliso, ezeNdalo noKhenketho ephondweni libambisene neQumrhu loPhuhliso laseMpuma Koloni (iECDC ngoshunqulelo lwesiNgesi).

Awona macandelo ekujongwe kuwo mane: Ezoxonkxo (manufacturing); ezokuthunga kwakunye namalaphu (clothing, leather and textile); izixhobo zemoto (automotive aftermarket support interventions) kwakunye nezeenkonzo (services).

Le mali (R40m) ephunyeziweyo, yeyonyakamali u2021/22 kwaye iyinxalenye nesicwangciso sokuvuselelwa koqoqosho, utshilo urhulumente wephondo.

UMphathiswa uMlungisi Mvoko UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMphathiswa wesebe leMicimbi yoPhuhliso, ezeNdalo noKhenketho ephondweni, uMlungisi Mvoko, uthi le nkqubo “yinqwelo apho isebe lijolise ekukhuthazeni ukuphucuka kwamashishini amancinane ukuze afikelele kumathuba aliqela ahlelelwe amashishini agunyaziweyo”.

Amashishini aselungelweni lokuxhamla kule nkxasomali, ngamashishini alawulwa ngokwesigxina ngumnini kwaye kufuneka abe kanti ebesendimeni kwezi nyanga zintandathu zidlulileyo.

Okunye kufuneka abe kanti akwiilokishi, iilali okanye iidolophu ezincinane zaseMpuma Koloni, umnini wawo ibe ngonesazisi selizwe, abenedilesi yokuhlala egunyazisiweyo, abe kanti uqashe abantu baseMzantsi Afrika abamalunga namashumi asixhenxe ekhulwini (70%) wabasebenzi beshishini.

Kukwafuneka noxwebhu lwebhanki lweenyanga ezintandathu (xa kufanelekile) kwaneempephamvume eziphuma kwiziko eligunyazisiweyo.

Ingqonyela yeECDC uAyanda Wakaba uthi okubonakalayo kukuba icandelo lamashishini amancinane alikwazanga ukuxhamla kwiinkqubo zongenelelo ngokwezimali zikarhulumente ngenxa yemiqathango yezomthetho nogunyaziso.

“Abasebenzi kuqoqosho lwamashishini amancinane abazange baxhamle kwinkqubo yokuthomalalisa umxakatho weenzingo kwezoqoqosho (UIF TERS) ngenxa yokuba babengabhaliswanga,” utshilo uWakaba.

Amaxwebhu okucela inkxaso ayafumaneka kwisebe lephondo (www.dedea.gov.za ) okanye iQumrhu loPhuhliso lwephondo ( www.ecdc.co.za ). Amaxwebhu angangeniswa kwiiofisi zeSebe leMicimbi yoPhuhliso, ezeNdalo noKhenketho ephondweni.