UGavin Hunt akafuni kuzibophelela kwisitayile seChippa United

UGavin Hunt ngumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: Steve Haag/BackpagePix

Emva kokunkantsaziswa kwabadlali beChippa United esantini yolwandle lwaseGqeberha iintsuku eziliqela, ngoku uGavin Hunt ubavavanya kumaqela aseNtshona Koloni. Konke oku ukwenza uHunt enethemba lokuba isizini entsha eqala ngomhla wamashumi amabini kweyeThupha iyakufika abadlali bakhe bekwisimo esilungele ukudlala. Ibe nethamsanqa lokuhlala kwiPSL kwakhona iChippa United emva kokuncedwa yimidlalo yokuxabangela (PlayOffs). Usihlalo wayo, uMnu. Siviwe Mpengesi, wothusa umzi ngokuqesha uGavin Hunt ukuze ayiguqule (iChippa United) yohlukane nokuba liqela elisoloko lilwela ukusinda ezembeni qho xa kusongwa isizini.

Nangona izinto zingamhambelanga kakuhle uGavin Hunt ngethuba engumqeqeshi weKaizer Chiefs – kodwa usengumqeqeshi ohlonitshwayo ebholeni yaseMzantsi Afrika ngenxa yeendebe awaziphumelelayo kumaqela afana neMoroka Swallows, iSuperSport United neBidvest Wits. Kuloo maqela wonke, uHunt ebenendela ethile awadlalisa ngayo eyahlukile. Njengokuba iChippa United idlala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo, inendlela edlala ngayo. Ibeka ibhola phantsi, iqala emva iye phambili ngaphandle kokuxhamazela isebenzisa isantya. Umbuzo: ingaba iza kudlala njani phantsi kukaHunt othanda iibhola ezihamba phezulu? “Akukho sitayile endingathi siza kudlala ngaso. Kufuneka siqiniseke ngabadlali esinabo kuqala phambi kokuqwalasela izinto ezinjalo,” utshilo uHunt.

“Kusekho izinto esifuna ukuzibethelela eqeleni phambi kokuqala kwesizini. Bakhona abadlali esibalindeleyo – kodwa isibhengezo siza kwenziwa ngexesha elifanelekileyo,” utshilo uHunt, ethetha eKapa – apho iqela lakhe lidlale namaqela afana neCape Town Spurs, iStellenbosch neCape Town City. Okucacileyo emva kwemidlalo yobuhlobo, uHunt ufuna ukuqinisa iindawo ezithile ngabadlali abatsha kwaye ufuna iqela elinganakubethwa lula ngamanye amaqela. “Abadlali esinabo banawo amandla – kodwa ukuzithemba kwabo kufuna ukuqiniswa. Kufuneka sikwazi ukudlala ngeendlela ezahlukenekeyo ukuze sikwazi ukumelana neemeko emidlalweni. Yiyo lo nto kufuneka sifumane abadlali abanokusinika into engekhoyo apha,” utshilo uHunt. IChippa iza kuvula isizini ngokudlala nabatshakazi, iSekhukhune United.