AmaBhokobhoko anomdlal’ onzima, eGqeberha!

AmaBhokobhoko evuyela indebe emva kokubetha iBritish & Irish Lionsngo’19-16 emdlalweni obuseCape Town Stadium kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Phando Jikelo/African News Agency(ANA)

AmaBhokobhoko azichithile iintente zawo eKapa emva kokubetha amaNgesi ngempelaveki egqithileyo ayokuzigxumeka eGqeberha – apho aqale khona amalungiselelo weCastle Lager Rugby Championship. Oku kwenzeka kakuhle emva kokuba uMzantsi Afrika uziqaqambise ngokubetha iBritish & Irish Lions ngo’19-16 emdlalweni obunzima eCape Town Stadium. UMorne Steyn noChelsin Kolbe babe ngamaqhawe emva kokukhulula AmaBhokobhoko abethe kowonna mdlalo obalulekileyo. Agoduke ephaca kwakhona amaNgesi – kodwa enawo umdlalo awuphumeleleyo phambi kokubethwa kwemibini. Ngoku iqela likaJacques Nienaber, ozingomba isifuba emva kokuzuza indebe yakhe yokuqala exhuzula imikhala, liza kudibana namane amaqela alushica afana neNew Zealand, iArgentina ne-Australia emidlalweni yeRugby Champioship.

Abadlali abafana noRG Snyman, uDuane Vermuelen, uRosko Specman, uJaden Hendrikse noJohan Grobbelaar basenkampini yeSpringbok nabo. Ethetha ngokubetha amaNgesi nangokulindeleke kwiqela lakhe xa lidibana ne-Argentina emdlalweni wovavanyo wokuqala ngoMgqibelo, uNienaber uthethe wenjenje: “Siyazingca ngokuphumelela iCastle Lager Lions Series – kodwa ngoku sinomnye umsebenzi osimeleyo. Yonke into esiyenzayo enkampini yethu kufuneka iqinise umsebenzi esiza kuwenza ngoMgqibelo. Sinemidlalo ebalulekileyo eNelson Mandela Bay phambi kokuntingela kwelase-Australia – apho siza kudlala umlenze wesibini. Okubalulekileyo kuthi ngoku kukuthatha apho siyeke khona emidlalweni egqithileyo.

Songeze abanye abadlali ngoba sikhangela indlela yokuqinisa indlela esidlala ngayo sikwazi nokuphumza abanye abadlali,” utshilo uNienaber. Kanti naye uKapteni weSpringbok, uSiya Kolisi, uliqhwabele izandla iqela elibethe amaNgesi watsho ebalula kakhulu indima eyenziwe nguLukhanyo Am, uWillie le Roux noChelsin Kolbe. “UChelsin ngumdlali owasebenzisa kakuhle amathuba awafumanayo. Siyazingca kakhulu ngomsebenzi wakhe. Kodwa kufuneka sibancome nabantu abaze nebhola uLukhanyo noWillie. Ndibaqhwabela izandla oogxa bam ngoba benze umsebenzi omhle ngexesha elinzima emdlalweni. Okuhle ngeqela esinalo kukuba wonke umntu usebenza ngokuzimisela,” utshilo uKolisi.