USoluncwadi ikhaya lababhali neembongi zosiba

Lihle Sokapashe

Ndithi mandithathe eli thuba ndazise abafundi beI’solezwe LesiXhosa ngoSoluncwadi.

USoluncwadi ngulindixesha woncwadi — literary journal kuni makhumsha. Injongo kaSoluncwadi kukuqaqambisa uncwadi lwesiXhosa gabalala. Ngoko ke uzimisele ukufundisa, ukuvundlisa, nokonwabisa abathandi boncwadi lwesiXhosa jikelele. USoluncwadi upapasha uhlalutyo, udliwanondlebe, izincoko, imibongo, amabali amafutshane, kunye neendaba ezimalunga nababhali neencwadi zabo.

Ngamagama amafutshane, uSoluncwadi liqonga lababhali nabafundi. Kulapha kuSoluncwadi apho ababhali baza kufumana khona ithuba lokuba bazibalule ukuze izakhono zabo zigqame zibe yindumasi kubafundi. Ngaloo ndlela uSoluncwadi uzimisele ukuba yibhulorho yokudibanisa abafundi nababhali.

Njengamntu ongumbhali ngokwakhe, sele imininzi iminyaka ndisiva incwina yababhali kwelinye icala, nomothuko wabafundi kwelinye icala. Ababhali bayakhala bathi iincwadi zabo azithengwa. Abafundi bayothuka ukuba kusekho abantu ababhala iincwadi ngolwimi lweenkobe. Iyonke loo nto iye yandenza ndazibuza ukuba, “Ingaba ezi ncwadi azithengwa kuba zingafunwa okanye azithengwa kuba zingaziwa?” Andikabi nayo impendulo.

Into endiyaziyo yeyokuba abantu abaninzi bayazifuna iincwadi zesiXhosa, koko bafuna eziya zooMqhayi nooJolobe nooYako kuba bazenzela indumasi kwamhlamnene. Kungoko ke ndiye ndathatha isigqibo sokuba ndiqulunqe eli qonga ukuze lisetyenziswe ngababhali banamhlanje, bazibalule apha kulo. Apha abafundi baza kungcamla kuvimba woluncwadi olusuka kumaciko achubekileyo. Ethembeni lokuba baya kuthi bakuba besithandile isandla sombhali othile batsho baqhagamshelane naye.

USoluncwadi yinquleqhu exhaswa ngokukhethekileyo nguNgqa Phambili Publishing. NguNgqa Phambili oye wafaka isandla engxoweni ukuze ndibe nako ukuphumeza lo msebenzi niwubonayo namhlanje. Yindima azikhethele yona leyo uNgqa Phambili ekuphuhliseni uncwadi lwesiXhosa. Ndiyathemba ukuba nabanye abapapashi/abantu baza kuthatha inxaxheba ngeendlela ezilunge kubo. Akukho mntu ungenandima yakhe kule nquleqhu ukuba uyayifuna indima.

Kha nikhe nithi pheselele kula magumbi eli qonga nifunde amanqaku la asele exhonyiwe. Ningonqeni ukushiya uluvo lwenu kumanqaku enithe nawafunda, ingabavuyisa kakhulu loo nto ababhali. Futhi nokuba ningawasasaza la manqaku kumaqonga onxibelelwano anjengoFacebook noTwitter ababhali abangekhe bakhalaze. Yanga ningaquqa nibuyelela kweli qonga (www.soluncwadi.co.za), kuba kaloku iindwendwe ziyabukwa!

Ndiyabulela kakhulu ngexesha lenu. Ungasityelela kumnatha www.soluncwadi.co.za

Lihle Sokapase