Percy Tau: Kunceda ntoni ukuhlala eYurophu ndingadlali ebaleni?

UPercy Tau esengumdlali weBrighton yaseNgilane. Umfanekiso: Facebook

Nangani kukho ukubethabethana kwezimvo ngokuya kukaPercy Tau kwiqela laseYiphutha – kodwa yena uthi akaboni ngxaki. UTau, oyinxalenye yeqela lesizwe loMzantsi Afrika elilungiselela ukudlala neZimbabwe, uyicacisile into ebangele ashiye iqela elidlala kwi-English Premier League. Kwiveki ephelileyo, uTau utyikitywe liqela elikhulu eYiphutha – iAl Ahly. Le ndedeba ibidlalela iBrighton, eNgilane – kodwa ngenxa yokunganikwa ithuba lokudlala, igqibe kwelokuba iye kwiqela eliqeqeshwa nguPitso Mosimane. Isigqibo sikaTau sigxekiwe nguBenni McCarthy nangabanye abantu ngelithi uqhwayela emva xa ebuyela e-Afrika endaweni yokulwela indawo yakhe eNgilane.

“Xa ndithatha isigqibo, ndisoloko ndibeka phambili indlela endiziva ngayo. Ndiyazi abantu baseMzantsi Afrika bayandixhasa ngoba sililizwe eliyithandayo ibhola,” utshilo uTau. Ukungadlali yeyona nto ebangele uTau, 27, ayishiye iBrighton eyamthatha kwiMamelodi Sundowns awayincedayo yaphumelela iindebe ezifana neCaf Champions League neSuper Cup. “Kuza kundinceda enini ukuhlala eqeleni elingandidlalisiyo? Ndifuna ukudlala ibhola mna kwaye nasekhaya bafuna ukundibona ndidlala. Ndikhe ndayihamba le ndlela ngaphambili. Ndasuka kwiWitbank Spurs ndineminyaka elishumi elinesixhenxe ndaya kwiSundowns Academy.

“Ndaphinda ndabuyela kwiWitbank Spurs ndisuka kwiSundowns ngemboleko. Ndifike ngo-2018 kwiBrighton, ndaya kwiSt Gilloise yaseBelgium kuba kwakukho ukuthandabuza. Ukusuka apho ndaya kwiBruges. Ukuzula yinto endiyiqhelileyo. Abanye abantu bathi ngendihleli kwiBrighton – kodwa abayazi into eyenzeka kum phaya. Ikhona into ebangele ndihambe. Ukuya kwi-Al Ahly yeyona nto endilungelelo kunokungadlali eYurophu,” utshilo uTau. “Ebekhona amaqela andifunayo eYurophu – kodwa ndikhethe ukuya kuMosimane ngoba yena uza kundenza umdlali ongcono. Ukuphumelela imidlalo yinto endiyithandayo, ndingxamele ukudlala ngoku,” ulebele ngaloo mazwi uTau.