Kuzaw’dlana iintsimbi eLoftus Stadium emalanga ngeCawe!

UKhama Billiat weKaizer Chiefs noRushine De Reuck weMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 kwinyanga ephelileyo eLucas Moripe Stadium. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kokuphumla ngenxa yemidlalo yamazwe ngamazwe, amaqela adlala kwiDStv Premiership aza kubuyela emabaleni ngempelaveki. Amaqela aza kuzama ukukhusela akufumeneyo emidlalweni egqithileyo logama amanye eza kuzama ukuphumelela okokuqala ukusukela oko kuqale isizini kwinyanga ephelileyo. Kulindeleke kudlane iintsimbi eLucas Moripe Stadium emalanga ngeCawe xa kudibana iMamelodi Sundowns neKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership. Omabini amaqela ayiqale kakuhle isizini ngokuqokelela amanqaku amane emidlalweni emibini. Eyona nto eza kwenza umdlalo ube nomdla kakhulu kukuba iDowns ikhuphe iChiefs kutshanje kwiMTN8 Cup kumapenela emva kokubambana ngo’2-2.

Ngoku Amakhosi aya ePitoli efuna ukubuyisa isixhiba nokuqinisekisa ukuba aqhubela phambili nokuqokelela amanqaku isizini isaqala emva kwesizini ka-2020/21 ebimbi nengene ngongciphu kuyo kwiTop 8. Kwelayo icala, iDowns iza kufuna ukuphumelela nakanjani emva kokubambana ngeqanda neChippa United emdlalweni obuseGqeberha kwiiveki ezigqithileyo. Umdlalo wangempelaveki ubalukele kakhulu kuStuart Baxter njengokuba ezama ukuvuselela iChiefs eneminyaka ibhuqwa yindlala kwicala leendebe. Ukubetha iSundowns kwakuthumela umyalezo ocacileyo ngokufunwa yiChiefs kule isizini. Yiyo lo nto kubalulekile ukubetha elona qela lilushica kwiDStv Premiership ngoku. Ikhefu linike abaqeqeshi ithuba lokubangula izinto eziyingxaki emaqeleni wabo.

Amakhosi aya emdlalweni ozayo ukuzithemba kwabadlali kuphezulu emva kokubetha iBaroka FC ngo’2-1 emdlalweni ogqithileyo. “Kuhle ukufumana amanqaku amathathu. Ngoku sijonge ukudibana neSundowns emdlalweni olandelayo. Ndicinga ukuba kukhona esakufundayo emdlalweni weMTN8. Siza kuzama ukufumana iqhunga eliza kusinceda ukuze sifumane amanqaku amathathu. Into nje endixhalabisayo kukuba abanye abadlali baza kuphoswa ngamalungiselelo ngenxa yemidlalo yamaqela ezizwe – kodwa ke namanye amaqela anengxaki efanayo neyethu,” utshilo uBaxter emva kwempumelelo yakhe yokuqala ukusukela oko ebuyele kwiChiefs okwesibini. Omnye umdlalo omkhulu uphakathi kweSwallows ne-Orlando Pirates.

Imidlalo yeDStv:

Mgqibelo: TS Galaxy vs Golden Arrows @Mbombela Stadium, 15:00; Orlando Pirates vs Swallows @Orlando Stadium, 15:00; Baroka vs Maritzburg United @Peter Mokaba Stadium, 17:00; Sekhukhune United vs Stellenbosch @Ellis Park, 17:00

Cawe: Royal AM vs Chippa United @Chatsworth Stadium, 15:00; Mamelodi Sundowns vs Kaizer Chiefs @Lucas Moripe Stadium, 17:00