UMabasa unike iPirates impumelelo yokuqala yesizini entsha

UVuyo Mere weSwallows FC noVincent Pule we-Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership namhlanje e-Orlando Stadium. Umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Konwatyiwe ngabalandeli be-Orlando Pirates emva kokuba ifumene amanqaku amathathu okokuqala kule sizini. Ezimnyama zibethe iSwallows FC ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e-Orlando Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Ibuyise isixhiba iPirates kamnandi kwiSwallows ebiyikhuphe kakubi kwiMTN8 ngo’2-1 phambi kokuqala kwesizini. Siphele isiqingatha sokuqala kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhidini. Akukho nalinye iqela elikwazileyo ukudala amathuba acacileyo emdlalweni nangona iPirates ibiyiyo elawula umdlalo. UVincent Pule ukhe wazama – kodwa uSanele Tshabalala ebethe qwa ezipalini zeSwallows. Kwisigaba sesibini, omabini amaqela athathe apho ayeke khona kwisigaba sokuqala.

Umdlalo uye wathanda ukubaleka kunesigaba sokuqala ngoba omabini ebefuna igowuli. Zisuka nje, iPirates ifumene ithuba lokukhokela phambili ngegowuli – kodwa uAbel Mabaso akwazanga ukulisebenzisa ngoba uye washiywa yibhola esendaweni entle. UDeon Hotto noKabelo Dlamini bakhutshiwe, kwafakwa uTshegofatso Mabasa noTerrence Dzvukamanja. Asukelene amaqela kungekho elifuna ukoyiswa – kodwa uMabasa uye walifaka igowuli elihle ngentloko emva kokufumana ibhola ebigotywe nguPule ekunxele. Ngalo ndlela, iPirates ifake amanqaku amathathu engxoweni. Eminye imidlalo: iBaroka ibethwe ngo’1-0 yiMaritzburg United, yona iSekhukhune United ibethwe ngo’1-0 siStellenbosch.

Orlando Pirates: Mpontshane, Jele, Hlatshwayo, Mako, Shandu, Mabaso, Mosele, Makhubela, Pule, Dlamini, Hotto.

Amalalela: Sandilands, Ndah, Bophela, Dzvukamanja, Tlolane, Makaringe, Mabasa, Motshwari, Monyane.

Swallows: Tshabalala, Mere, Sait, Sibiya, Sasman, Nyatama, Matlou, Mokoena, Saleng, Solomons, Gamildien.

Amalalela: February, Mohamme, Basadien, Khupe, Ndlovu, Margeman, Makgalwa, Malinga.