Kunyanzelekile abuyise isidima sawo AmaBhokobhoko emdlalweni wangoMgqibelo

UMzantsi Afrika ne-Australia ziza kudlala umdlalo wesibini eBrisbane ngempelaveki. Umfanekiso: EPA/REGI VARGHESE AUSTRALIA AND NEW ZEALAND OUT

Kusekho ukhothuka okanye ukuphoxeka enkampini yeSpringboks emva kokubethwa yiAustralia ngo’28-26 emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship kwimpelaveki edlulileyo. Umdlali owonzakalise AmaBhokobhoko ibe nguQuade Cooper ofake ipenela emizuzwini yokugqibela yomdlalo. Bekukho ithemba leziphumo ezincumisayo emva kokuba iSpringbok siqhube kakuhle phambi komdlalo ogqithileyo. Kunyanzelekile ngoku abadlali nabaqeqeshi baqwebe iqhinga elitsha abanokubetha ngalo iAustralia ewusokolisayo kakhulu uMzantsi Afrika ebaleni layo. Umdlalo wesibini wala mazwe mabini oza kubanjelwa eBrisbane ngo-09:05 ngoMgqibelo, unika AmaBhokobhoko elinye ithuba lokubuyisa isidima sawo nokukhumbuza abantu behlabathi ukuba aziintshatsheli embhoxweni.

Ngeke kubelula ukubetha iAustralia – kodwa iyabetheka. Ethetha namajelo eendaba, uFranco Mostert uthe bayiphose kwelokulibala into yomdlalo ogqithileyo. Into esezingqondweni zabo (bengabadlali) kukudlala kakuhle eSuncorp Stadium. “Abadlali abaninzi bebengayilindelanga into eyenzeke kwimpelaveki egqithileyo. Kodwa ke embhoxweni, kwenzeka nokuba yintoni,” utshilo uMostert. Ifanelwe kukunconywa indlela edlale ngayo iAustralia. Iphumelele ngoba ibiyilambele impumelelo – kodwa oogxa bam bazimisele ukubuyisa izitya emdlalweni ongempelaveki. Siyakwazi okwenzekileyo futhi nekufunekayo ukuze siphumelele siyakwazi,” utshilo uMostert.

Okwenze kube kubi kakhulu ukubethwa kukuba silele kathathu emgceni iSpringbok – yona iAustralia ilele kanye qha. UMostert uthi AmaBhokobhoko akazukuyitshintsha indlela adlala ngayo kwaye bazimisele ukuya emdlalweni bezilole macala izikrweqe zabo. Isekelamqeqeshi leSpringbok, uDeon Devids, waleke ngelithi bathethile ngokubaluleka kokufumana iziphumo ezincumisayo emdlalweni olandelayo. “Asidlalanga ngendlela yethu emdlalweni ogqithileyo – kodwa mayinconywe iAustralia ngoba idlale kakuhle. Besinawo amathuba – kodwa ke sifundile kwaye sinethemba leziphumo ezingcono emdlalweni ozayo,” utshilo uDavids ebutsheni bale veki.