UMzantsi Afrika ufuna ukuphinda iGhana ngoku kwiBuhari Cup!

UDesiree Ellis ngumqeqeshi weBanyana Banyana. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kwethuba iqela lesizwe lamanenekazi loMzantsi Afrika lingasadlali, ngoku kulindeleke kuthathe inxaxheba kwitumente ekuthiwa yi-Aisha Buhari Cup eqale izolo kwilizwe laseNigeria. Amazwe amathandathu aza kuba yinxalenye yetumente aquka iNigeria eyamkela iindwendwe, iGhana, iCameroon, iMali, iMorocco noMzantsi Afrika. ABanyana Banyana bafumana ithuba elihle lokuzivavanya emaqeleni omeleleyo bekhuthazekile emva kokuphumelela iCosafa Cup ekuqaleni kwalo nyaka eGqeberha. Umqeqeshi waBanyana Banyana, uDesiree Ellis, uthe abadlali bakhe bonwabile enkampini watsho esamkela ngokuvuyo ubukho bukaThembi Kgatlana odlalela iqela eliphambili kwilizwe laseSpain, eYurophu.

“Uhamba lwethu belulude kakhulu ngoba kubekho ulibaziseko okusiveleleyo. Kuhle ke kodwa ngoba sifikile eNigeria,” utshilo uEllis emva kokugaleleka kweqela lakhe eLagos ekuqaleni kwale veki. “Siyakuvuyela nokufika kwabadlali abafana noKgatlana, uRefiloe Jane noLinda Motlhalo esabagqibela ekupheleni kuka-2019 enkampini yethu. Kuhle ukubona wonke umntu onwabile, ngakumbi abadlali abadlala kwamanye amazwe esabagqibela kudala. Sizimisele ukudlala kwiBuhari Cup,” utshilo uEllis. UMzantsi Afrika uza kuqubisana neGhana emdlalweni wokuqala oza kube useMabolaji Johnson Stadium ngomso, uze udibane neNigeria emdlalweni olandelayo ngoLwesibini weveki ezayo.

Iintliziyo zabantu baseGhana zisebuhlungu emva kokuba aBafana Bafana bebethe beyibethe emidlalweni ehlahl’indlela eya eQatar kwiNdebe yeHlabathi. Igosa eliphezulu leNigerian Football Federation, uAisha Falode, lithe itumente ijoliswe ekuphakamiseni ibhola ekhatywayo yamanenekazi nokunika ithemba oomama nabantwana abangamaxhoba olwaphulomthetho. “Le tumente idibanisa amazwe aphambili ebholeni yamanenekazi. Sinethemba lokusebenzisa yona njengeqonga lokubhenca iingxaki oomama abajongene nazo entlalweni yethu. Ubukho boMzantsi Afrika siyabuvuyela,” utshilo uFalode phambi kokuqala kwetumente.