Abantwana baseGcuwa bakha ikamva ngebhola ekhatywayo!

Amaqela webhola wamantombazana, iButterworth Roses FC neButterworth Real Roses, edlala kwiveki ephelileyo eMcubakazi, eGcuwa. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Noxa kunzima ukudlala ibhola ekhatywayo ezilalini nasezilokishini ngenxa yokunqaba kwamabala asemgangathweni – kodwa amantombazana aselula akazimiselanga kutyhafiswa yilo nto. Inye into ayifunayo: kukudlala ibhola, aphumelele ebomini. I’solezwe lesiXhosa lincokole nabadlali abangamantombazana abazimisele ukudlala ibhola kwinqanaba eliphezulu. Akubonise oku emdlalweni obuphakathi kweButterworth Roses FC neButterworth Real Eagles ophele untanganye. Kunzima kwezemidlalo xa ulinenekazi ngoba inkxaso inkqabille. Wona amantombazana waseGcuwa azixelele ukuba iimeko kwezemidlalo zakuthi ukuze ziguquke kubekho abantu abasebenzela lo nto.

Njengesiqhelo ngeempelaveki, ibala laseMcubakazi belisingethe umdlalo wamaqela amabini akhuphisana, iRoses FC neReal Eagles. Abadlali badlale umdlalo uncomekayo bebukelwe ngabazali kwingqatsini yelanga. Emva komdlalo, abadlali bamaqela bathethe ngothando lwabo lwebhola ekhatywayo. “Sekulithutyana ndidlala ibhola ekhatywayo,” utshilo uAnam Makinana (15). “Ndakhetha ukudlala yona ngoba ngumdlalo endiwuthandayo. Enye yezinto endizifunde ebholeni kukuziphatha kakuhle. Ndingavuya ukuba ndingakhula ebholeni ndide ndidlalele amaqela asemgangathweni ophezulu,” utshilo uMakinana weRoses FC. Yena uAkahlulwa Phoswa (14) ufuna ukuba ngumdlali owaziwayo ngenye imini.

“Ndiqale ukudlalela iRose FC kunyaka ophelileyo. Ndirhalela ukuba ngumdlali odumileyo ndidlalele namaqela angaphandle koMzantsi Afrika,” utshilo uPhoswa. Abanye babona ibhola njengento enokuguqula iimeko ezimbi emakhaya. “Ndingavuya xa ndinokuphumelela ngebhola ebomini bam. Ndayibona apho ndihlala khona ibhola ukuze ndiyidlale. Kwakuvuswa amaqela ukuze abantwana basinde kwiziyobisi. Ndinqwenela ukuphumelela ukuze nditshintshe imeko yasekhaya,” utshilo uAmahle. Yena uLisolethu Jiya (13) weReal FC uthe: “Xa ndisebholeni. Ayikho enye into ngoba yeyona nto endiyithandayo. Ndifuna ukuba ngumdlali oqaqambileyo ndenzele izinto abantu basekhaya.