Inkxasomali kobefudula eshishinela kwindlu yakowabo emxinwa

EBEFUDULA eqhuba ushishino lwakhe lwezonxibelelwano ngomnatha kwakunye noshicilelo lwamaxwebhu kwindlu encinane yakowabo eThornhill kumasipala waseKouga, apho ebeneengxaki zokunqongophala kwezixhobo zokwenza lula umsebenzi weshishini.

Kodwa ngoku oko yinto yezolo nanjengoko iBT Safestrip Internet Café kaChris Beki ithe yafumana inkxasomali kwiFama yoPhehlombane ngoMoya yaseJeffreys Bay (Jeffreys Bay Wind Farm).

Ngoku uBeki waseThornhill unekhonteyina enendawo evulelekileyo ukuze aqhube ushishino lwakhe ngaphandle kwamagingxigingxi. Akuphelelanga nje apha kwikhonteyina, koko uBeki ukwafumene noqeqesho ngezoshishino athe walinikezwa yile Fama yoPhehlombane ngoMoya yaseJeffreys Bay.

Chris Beki UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Inkampani (yam) ibifudula isebenzela kwindlu emxinwa apho bekunqongophele izixhobo ezifana nothungelwano lombane. Yiyo le nto ndichulumancile ukufumana ikhonteyina elungele olu shishino, ukuze ndinikeze ngeenkonzo (zeInternet Café) futhi ndiqashe nomnye umntu,” utshilo uBeki, okwathe uneenjongo zokuqasha abantu abahlanu xa sele luhamba ngendlela ushishino.

UTsholofelo Moote, iNgcali kuPhuhliso loQoqosho kwiFama yoPhehlombane ngoMoya yaseJeffreys Bay uthe: “Injongo yethu kukunceda ukukhulisa amashishini asakhasayo ukuze abengamashishini azinzileyo logama sinceda uluntu ukuba lufikelele kwiinkonzo ngaphandle kokuhamba imigama emide eye ityabule epokothweni.”

Le khonteyina ineenkonzo ezifana nomnatha wonxibelelwano, ushicilelo lwamaxwebhu, uncedo lwenkxaso kumashishini olufana nokubhaliswa kweshishini, uncedo ngeenkonzo zerhafu, uncedo kwizicwangciso zoshishino, ukubhalwa kwamaphawu (logo) oshishino, imizobo ngemibhalo nemifanekiso (graphic design), kwanokwenza uphawu (branding) kumashishini, izikolo, iimoto kwanezakhiwo.