FundaMntanam: Kuwongwa abaqhube kakuhle kuGrade 10,11 & 12

UKUBONA unyana wakhe etsala nzima ukufumana indawo eyunivesithi ebutsheni balo nyaka, kukhokelele ukuba uSivuyile Dyaso acinge icebo elinokukhuthaza nokufundisa abafundi ngamakhondo ohlukeneyo abanokuwalandela xa befika eyunivesithi.

Kube lapho aye wagqiba ekubeni enze iimbasa azibize njengeFunda Mntanam Academic Awards.

UDyaso, 34, uthi nanjengoko esebenza kufutshane nabantwana esikolweni, uyibonile indlela abathi bagaxeleke ngayo ebunzimeni ngenxa yokuswela ulwazi olululo olunokubanceda.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uthi bekunzima ukuba unyana wakhe amkeleke esikolweni kuba bengenalwazi ngezifundo amakazenze.

“Ndicinga bengazi ukuba ubani kufuneka akhethe ikhondo afuna ukulilandela nangokujonga amanqaku (points) awafumeneyo ngezifundo ebezenza esikolweni.

“Ngelo xesha sisadidekile yileyo ndiye ndacinga ngokuqala iCareer Expo, liye lafika ngoko icebo lokuqala ezi mbasa,” kutsho uDyaso.

Ukuqala kubafundi abakwibakala leshumi (Grade 10) ukuya kweleshumi elinesibini (Grade 12) abaqhube kakuhle ezifundweni zabo kuTerm 1, 2, no3 , baza kuwongwa.

Aba bafundi baphuma kwizikolo ezisibhozo eziseTsholomnqa naseNcera, neziphantsi koMasipala oMbaxa weBuffalo City.

UDyaso uthi abafundi baza kukhuphisana kwizifundo ezilishumi ezifana nesiXhosa, isiNgesi, Agricultural Science, Tourism, Business, Accounting, Maths, Physical Science neMaths Literacy.

“IFunda Mntanam ibethelela into yokuba umntwana ngowoluntu lonke hayi nje umzali kuphela. Eli gama [Funda Mntanam] lilizwi laye nawuphina umzali onqwenelela umntwana wakhe okuhle kwizifundo zakhe,” kutsho uDyaso.

Ukuququzelela lo msitho, uDyaso usebenza noKwanele Mlambisa oligqwetha nokwangumbhali woncwadi kuquka namalungu ebhodi amathandathu alo msitho.

“Kukho igqiza elonyuliweyo elenziwa ziititshala zezikolo ezingathathi nxaxheba kolu khuphiswano, zizo eziza kukhetha abantwana abaphumelelayo nabalungele ukuwongwa,” kwazisa uDyaso, okwasebenza njengomabhalana eTsholomnqa High.

UDyaso uthi iFunda Mntanam ingawonga abantwana abakumashumi amathathu anesithathu kuzo zonke ezi zikolo.

“Kodwa eli nani alizinzanga ngoba lingangaphantsi ngenxa yokuba umntwana omnye angathatha iimbasa ezininzi,” kutsho uDyaso, esithi bayaludinga uncedo kulowo unokusikwa yimfesane.

“Singavuya ukuba kulo nyaka kungakho uMsamariya onokusipha nje iiLaptop eziyi-9 kunye neetablet eziyi-15 ukuze abantwana abaphumelele phambili bafumane amabhaso ancumisayo naza kuba qhuba ukuya phambili.”

Ngolu suku kulindeleke kubekho iindwendwe ezibekekileyo eziquka amalungu weSebe lezeMfundo kwiSithili seBCM, ubukhosi beNcera neTsholomnqa, ilungu lobukhosi bamaMpondo eLibode, abefundisi bakwalizwi, abahloli, iinqununu kunye neeSGB zezi ndawo.

UDyaso uthi ufuna ukubona lo msitho ukhula, unabela nakwezinye iindawo.

“Injongo yeyokuba kulo nyaka uzayo lo msitho ukhule uye kwizinga lesithili phambi kokuba uye kwiphondo jikelele, kwaye siza kusebenza nzima ukuba lo msitho kulo nyaka uzayo ugqibe yonke le BCMM,” utshilo.

UDyaso ebekhe wangumchongwa kwiimbasa ezibizwa Founder of the Year Awards (FOYA) kwibakala leMost Promising Founder ebezibanjelwe eKenya.

Lo msitho uza kubanjelwa kubukhazikhazi nobuhle beKiwane Resort esandul’ ukuvulwa kunxweme lwaseTsholomnqa.

Uza kusasazwa ngqo kwisikhululo sikanomathotholo seintanethi Icamagu Radio nakuFacebook. Kwaye kulindeleke uzinyaswe ngabo bamenyiweyo kuphela.

Ofuna ukufaka isandla angaqhagamshelana noSivuyile Dyaso kwa: 0710044710.