Ubomi bukaYanela Ntloko waseDutywa baguqulwa kukusebenza noJaji Mogoeng Mogoeng!

UYanela Ntloko ligqwetha elisebenza e-Ofisini yeJaji eyiNtloko, uMogoeng Mogoeng. Umfanekiso: Uthunyelwe

“Ukusebenza kwiNkundla yoMgaqosiseko kwabuguqula ubomi bam,” lawo ngamazwi kaYanela Ntloko welali yaseNgcingwane, eDutywa, emva kokuqeshwa yeyona nkundla inkulu eMzantsi Afrika. UYanela, 30, usebenza kwi-Ofisi yeJaji eyintloko eMzantsi Afrika, uMnu Mogoeng Mongoen. Ngonyaka wokugqibela esenza izifundo zakhe zomthetho (LLB Degree) e-Unisa, kwathi gqi ithuba lokusebenza neJaji eyiNtloko eza kuthatha umhlalaphantsi kungekudala. Oko yaba kukuzalisekiswa kwephupha lakhe uYanela ngoba ukuba ligqwetha yinto asuka nayo kwaGrade 7 emva kwesiganeko esibi esenzekayo esengumfundi eQumrha. “Amapolisa amhlophe asibuza ukuba sifuna ntoni edolophini, atsho esibamba singabafundi eQumrha. Emva koko, uMnu. Koki wasifundisa ngamalungelo oluntu esikolweni. Wonke umntu wayenowakhe umqulu. Owam wawugxile kumalungelo wabantwana. Ndaphuma esikolweni ndifuna ukuba ligqwetha,” utshilo uYanela.

Nangona wayeqinisekile ngokwenza izifundo zomthetho, uNtloko waphazanyiswa kakubi kukusweleka komntu obalulekileyo kuye, umakazi wakhe. Kodwa waya e-Unisa – apho afunde khona izifundo ezomthetho. Ithuba lokusebenza kwiNkundla yoMgaqosiseko lithe gqi xa egqibezela ngo-2015. Ethetha ngokubizwa kwakhe, uYanela uthe: “Ndandothukile emva kokuqeshwa kwam kanti kukufezekiswa kwephupha lam. Yinkundla ebaluleke kakhulu leya ngoba izigqibo zayo ziguqula ubomi babantu belizwe,” utshilo uYanela, owanexhala phambi kokuqala kwakhe. “Okwenzekayo kwaguqula ubomi bam. Ayekhona amagingxigingxi – kodwa ukusebenza neJaji eyintloko, kwandibonisa ukuba akukho nto engenokwenzeka xa ungathandabuzi,” utshilo uYanela.

“Unyaka endiqeshwe ngawo (2016) ibe sisiqalo sobomi bam kwezomthetho. Indlela endiwubona ngawo umthetho yaguquka ndafunda nendlela umthetho obanceda ngayo abantu,” utshilo uYanela, obalule ubuntu obenziwa nguJaji Mogoeng kwa ngomhla wokuqala wabo emsebenzini. Uthi uJaji Mogoeng wabamkela njengomzali wabo. “Bantwana bam, ndiyacela nilisebenzise kakuhle ithuba elinifumeneyo. Andifuni kuva kusithiwa kukho omnye wenu olambayo. Wazazisa kuthi ukuba ungubani watsho esithi ukuba kukho umntu odinga uncedo, angonqeni ukuthetha. Lawo mazwi afumana indawo yokuhlala entliziyweni yam. Xa uJaji Mogoeng efumene ithuba lokuthetha nabantu, usoloko ebanika amazwi wenkuthazo nobulumko,” utshilo uYanela, othwaliswe isidanga yiCampbridge University kwizifundo zomthetho (LLB Master) ngeli thuba leKhorona.

“2019 ndagqiba kwelokuba ndifunde kwakhona. Iphupha lam lakudala yayikukufunda e-Oxford University okanye eCampbridge University. Ngethamsanqa ndamkelwa yiCampbridge phambi kokufika kweKhorona. Ndasifumana isidinga kwezomthetho ndingumntana waseDutywa ebunzimeni. Le nto ithetha ukuthi nam indifanele into endiyifumeneyo nokuba ndiphuma phi. Endikufundileyo kukuba kufuneka uqine xa ufuna into nokuba kunzima kangakanani na. Yinto enkulu kakhulu kum le ngoba zininzi izinto endizifundileyo eCampbridge. Ayikangeni ncam into yokuba uYanela waseQelane ufunde eNgilane – kodwa umakhulu wam wayedla ngokuthi ubowaleqa amaphupha wakho nokuba awuwabamba onke. Oku ibe kukuzalisekiswa kwephupha lam,” utshilo uYanela.