UHugo Broos uthi amvela ngemva amaqela aseMzantsi Afrika

UHugo Broos ngumqeqeshi waBafana Bafana. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, uyigxeke kabukhali iPSL nabaqeqeshi bamaqela aseMzantsi Afrika. Kutshanje, uBroos uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva kokungangeniswa ebaleni emdlalweni wePirates. Ekuqaleni kwale iveki, akabafumana abadlali abathile abebafuna enkampini yeqela lesizwe. “Apha kum, ndinento ethi kukho abantu abangafuni aBafana Bafana baphumelele. Kwiinyanga ezidlulileyo ndandifuna umdlalo wobuhlobo, ndabona kukho imidlalo yeDStv Premiership endingayazi nokuba yayivelaphi ngeentsuku zeFIFA. Ndacela intlanganiso nabaqeqeshi bamaqela ePSL, zange kuvunywe.

“dlalweni wePirates saxhaywa esangweni. Ngoku siva kusithiwa iSundowns igqibe kwelokuba uThabiso Kutumela agonywe. Andinangxaki nalo nto – kodwa kutheni isenziwa ngexesha leqela lesizwe?” ubuzile uBroos. Ngaphezulu kwezo izinto, eyothuse umzi ibe kukuthi shwaka kukaGoodman Mosele wePirates obekufanele usenkampini yaBafana Bafana. Ebomini bam zange ndive kuthiwa umdlali akezanga enkampini. Akathumeli myalezo aphinde angafumaneki. Yiyo le nto ndisithi amaqela abaluleke ngaphezulu kweqela lesizwe apha. Abadlali kufuneka bazi ukuba ngeke baziwe xa iqela lesizwe lingaqhubi kakuhle,” utshilo uBroos. UMzantsi Afrika ulungiselela ukubana ne-Ethiopia emdlalweni ohlakulela iNdebe yeHlabathi eza kusingathwa yiQatar kunyaka ozayo.

ABafana Bafana baya eTopiya bezithembile emva kokubetha iGhana nokudlala ntanganye neZimbabwe emidlalweni yokuqala. “Sijongene nemidlalo emibini esiza kuyidlala neTopiya. Ukuba singayiphumelela, ingaba kukuphela kwendlela yayo. Kufuneka sifumane amanqaku apheleleyo emidlalweni ezayo noxa inzima yonke. Singayibetha iTopiya ukuba singadlala ngokuzithemba esikubonise ngethuba sidlala neGhana. Endikubonwe kusenziwa ngabadlali enkampini kundinika ithemba. Kukuthi ukudlala ngendlela efanayo nakumdlalo ogqithileyo siphumelele imidlalo esijongene nayo,” utshilo uBroos. Kwiveki ezayo ngoLwesibini, uMzantsi Afrika uza kwamkela iTopiya emdlalweni wesibini eFNB Stadium.