Konakele ngakumbi kwiSwallows yabuyisa uBrandon Truter

UBrandon Truter ubuyele kwiSwallows FC emva kokunqunyanyiswa ngenxa yeziphumi ezibi. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

UMnumzana uDavid Mogashoa uthathe isigqibo sokubuyisa umqeqeshi ngesiquphe ekhefini emva kokuvuthululwa kweSwallows FC ngemvula yamagowuli esixhenxe emidlalweni emibini elandelelanayo. UBrandon Truter wanikwa ikhefu elikhethekileyo yiSwallows ngenxa yokunqaba kweziphumo ezincumisayo emva kwebathwana lemidlalo isizini yeDStv Premiership iqalile. Okunyanzele ukushenxiswa komqeqeshi yaba yiSuperSport United eyangomba iSwallows ngo’3-0 emdlalweni weDStv Premiership. Isekela lomqeqeshi lanikwe uxanduva lokuphucula izinto ngethuba engekho uTruter. Endaweni yeziphumo ezibhetele, iSwallows ikhutshwe kwiMTN8 ngo’4-0 yiCape Town City, yaphinda yabethwa ngo’3-0 yiMamelodi Sundowns emdlalweni wokugqibela kwiveki ephelileyo.

UMnu. Mogashoa ukhuphe ingxelo ethi umqeqeshi ubuyele esikhundleni sakhe kwaye umnqwenelela okuhle kodwa. Ayicacanga kakuhle eyona nto ebifunwa yiSwallows enqumamise umqeqeshi emva kwemidlalo embalwa – kodwa iqhelekile into yokugxothwa kwabaqeqeshi emva kwemidlalo emihlanu ngamaqela adlala kwiDStv Premiership. “Emva kwemini izolo, abaphathi beqela baye babamba intlanganiso noBrandon Truter. Lo nto yenzeke emva kwekhefu leeveki ezimbini. SiyiSwallows sifuna ukuyibethelela into ethi ikhefu walinikwa umqeqeshi kuvunyelweni naye emva kokungoneliseki zizinto ezithile eqeleni,” utshilo umphathi weqela.

“Ngethuba engekho, uSimon Dlala ebenikwe uxanduva lokuphatha iqela. Ngoku umqeqeshi ubuyele esihllalweni sakhe kwaye uza kuxhuzula imikhala njengesiqhelo encediswa nguDladla. Simnqwenelela okuhle kodwa isigqeba esiphetheyo asonwabanga kokwenzeka eqeleni,” utshilo uMogashoa kwingxelo ayikhuphe ngoLwesibini wale veki. Kwisizini eqhubekayo, iSwallows isaphumelele umdlalo omnye kuphela. Nangona ebuyisiwe uTruter – kodwa akukho siqinisekiso sokuba uza kuhlala ixesha elide ukuba isimo seSwallows asiguquki. Kwisizini egqithileyo, iSwallows ikwazile ukufumana indawo kwiTop 8 – kodwa isiqalo sayo kule isizini khange sincumise kwaphela.