UHugo Broos akawuvali umlomo ngaBafana Bafana abangombe iEthiopia

UMzantsi Afrika ubethe iEthiopia ngo’3-0 emdlalweni ohlakulela iNdebe yeHlabathi ka-2022 obubanjelwe eBahir Dar Stadium namhlanje emalanga, Bahir Dar. Umfanekiso: Kidus Yoftahe/BackpagePix

ABafana Bafana babonakalise ukukhalipha namhlanje ngethuba bebethela iEthiopia ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni obutshisa eBahir Dar Stadium. UMzantsi Afrika ufumene impumelelo ebalulekileyo ebaleni elibi watsho waqinisa ithemba lawo lokuya eQatar – apho kuza kudlalelwa khona iNdebe yeHlabathi kunyaka ozayo. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu – kodwa ulawulwa nguMzantsi Afrika. Zijikile izinto emva kwexeshana kwisigaba sokuqala. Abadlali be-Ethiopia bawufunqule umdlalo wabo futhi besiya phambili. Bekufanele ukuba iEthiopia iye kwixesha lokuphumla inamagowuli amabini ubuncinane emva kokudala amathuba amahle avalwe nguRonwen Williams ezipalini. UTeboho Mokoena uwubeke endaweni entle uMzantsi Afrika emva kokufaka igowuli elihle kanye xa kuphela isiqingatha sokuqala.

Emizuzwini yokuqala kwisigaba sesibini, uGetaneh Kebede ufake igowuli lokulinganisa. Khange batyhafe aBafana Bafana nangona bebesukelwa yiEthiopia. Amanye amagowuli woMzantsi Afrika afakwe nguMothobi Mvala no-Evidence Makgopa ongene kwisigaba sesibini somdlalo. Nangona ibala belingabavumeli aBafana Bafana ukuba badlale ibhola entle nenomtsalane – kodwa nakubeni kunjalo, uBroos uthe into ebalulekileyo yimpumelelo. “Umdlalo ubunzima kakhulu kweli ibala. Phambi kokuqala komdlalo, ndithe akufuneki mdlalo omhle kweli ibala,” utshilo umqeqeshi.

“Into ebalulekile kukuzimisela okubonakaliswe ngabadlali ebaleni. Abadlali khange baphazanyiswe ligowuli elifunyenwe yiEthiopia. Silwele ibhola kwade kwasekugqibeleni kwaye saphumelele. Sifumene impumelelo ebaluleke kakhulu. Andazi kutheni iEthiopia izise umdlalo obaluleke kangaka ebaleni elibi kanje. Iyibethile kakhulu lo nto ngoba ayidlalanga kakuhle,” utshilo uHugo Broos emva komdlalo onwabile. Ngokuba aBafana Bafana bathe ngcu phezulu kuGroup G emva kokuphumelela kabini nokudlala ngokulingana komnyye. Iqela likaBroos liza kudibana ne-Ethiopia kwakhona ngoLwesini weveki ezayo ngorhatya eMzantsi Afrika. Ukuba liyaphumelela, lo nto iya kwandisa amathuba walo wokuya kwindebe yehlabathi.