‘Benze idini lobuqhophololo ngam’

INKOSIKAZI yaseCumakala, uNontando Mbalane, utyhola ngelithi kwenziwe idini lobuqhophololo ngaye ngabasemagunyeni eMgwali High emva kwembambano ekhokelele kuqhankqalazo lwabafundi bakaGrade 12 bekhala ngokushokoxeka kokutya.

Aba bafundi bakaGrade 12 bahlala esikolweni ngeli xesha lokubhalwa kweemviwo zokuphela konyaka.

Kubantwana besikolo bakaGrade 12 abangamashumi amahlanu anesithathu (53), umzali ngamnye ebecelwe ukuba akhuphe iR500 yokuba baphekelwe nanjengoko behlala esikolweni befunda imini nobusuku.

UMbalane, osebenza emakhitshini, ucelwe ukuba ancedise kwinkqubo yokuphekela aba bafundi.

Unomji uvele ngethuba abafundi bebamba uqhankqalazo ekuqaleni kwale nyanga kuba besithi abaphekelwanga kutya noxa nje abazali babo bezikhuphile iimali.

Abafundi baseMgwali High bebambe uqhankqalazo bekhalazela ukungaphekelwa kutya UMFANEKISO: FACEBOOK

UMbalane utyhola abasemagunyeni ngelithi abakhange bathenge kutya koneleyo ngale mali ibethwe ngabazali. Uthi yiyo le nto kukhawuleze kwaphela ukutya.

Nontando Mbalane UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Isitshixo besihlala kum, kodwa rhoqo xa ndigoduka bendisishiya isitshixo. Ndothuke ngenye imini xa ndifika ngokuhlwa, ngethuba ndandigodukile, ndafika abantwana besithi abatyanga. Xa ndibuza ukuba kutheni bathi, aba bantwana akukho kutya.

“Akukhange kubekho nto endichaphazelayo mna njengesiqu. Akukhange kuthwe kuqhankqalazwa ngenxa yam,” utshilo uMbalane.

UMbalane uthi kuye kwabanjwa indibano sisikolo, malunga nale nyewe, kukho isigqeba samagosa ezemfundo nabebhodi elawula isikolo (SGB).

“Emva kokuba iqhubile indibano, ndeva kusithiwa mna ndixabanise abazali nootitshala. Bathi ngekwakufanele ukuba ndivumile ndithi sithi abangaphekanga. Abazali bathathwa ngabaphathi basiwa kwindawo ehlala ukutya, xa befika nyhani ukutya kukhona. Ndabaxelela ke mna ukuba okwa kutya kuthathwe kwinkqubo yesondlo yesikolo,” kutsho uMbalane.

Okuvelileyo emva koku, ndatyholwa ngelithi ndithathe itoti yeembotyi esikolweni.

“Igama lam balingcolisile, ukuhlala ndisebenze kangaka emva koko ndigxothelwe into endingayenzanga. Intliziyo yam ibuhlungu kakhulu, kangangokuba ngoku ndiza kudibana nogqirha.

“Andiyazi nokuba ndileqelwa le nto ndihluphekile na. Into ecacayo kukuba kwenziwe ngam idini lobuqhophololo,” utshilo uMbalane, othi ebesebenzela ukuze abenemali yokuphela konyaka.

UMbalane uthi ebesele esebenze iiveki ezimbini kwesi sikolo, ngoku ugxothwe enganikwanga imali yexesha alisebenzileyo.

Kodwa usihlalo webhodi elawula esi sikolo, uQuorum Mbali, uziphikile iziphakamiso zikaMbalane.

“Uyabona lo mfazi (Mbalane) lo, unesinyalumani. Ndafowunelwa ukuba abantwana bayaqhankqalaza ngenxa yokuba balele bengatyanga. Ngethuba sixoxa le nyewe, aba bantwana apheka nabo bayichaza into yokuba nguye (uMbalane) oba ukutya. Ngoku uthi uyatyholwa, etyholwa ngubani?” kubuza uMbali.

UMbali utyhola uMbalane ngokuzama “ukugqwalisa” iSGB kwanesigqeba sesikolo. “Uqine nje enyaleni kuba ukubile ukutya kwesikolo.”