UStuart Baxter usenethemba lokubhukuqa iMamelodi Sundowns engekabethwa

UStuart Baxter ngumqeqeshi weKaizer Chiefs. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Amaqela amaninzi adlala kwiDStv Premiership sele edlale imidlalo elishumi kwisizini eqhubekayo. Phezulu kuhleli iMamelodi Sundowns ebethwa ngumoya emva kokuba idlale imidlalo elithoba. Phantsi kwegama layo, iSundowns inamanqaku angamashumi amabini anesihlanu. Emidlalweni eyidlalileyo, esibhozo iyiphumelele yaze yadlala ntanganye kanye. Lo nto iyinika ithuba elihle lokuphumelela indebe yeDStv Premiership ityeli lesihlanu ngokulandelelana.

Kodwa nangona kunjalo, umqeqeshi weKaizer Chiefs usenethemba lokuyibhukuqa iSundowns kwindawo ekuyo. Kubekho ukufunquka kokuzithemba enkampini yeChiefs emva kokuba ibethe i-Orlando Pirates ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eFNB Stadium kwiiveki ezigqithileyo. Kusemva kwalo mdlalo apho abone khona uStuart Baxter ukuba iqela lakhe linawo amandla wokususa iSundowns eshiya iqela lakhe ngeshumi lonke lamanqaku.

Emidlalweni elishumi, Amakhosi aqokelele igcuntswana lamanqaku alishumi elinesihlanu emva kokungaqhubi kakuhle ekuqaleni kwesizini. UBaxter, obuyele kwiChiefs phambi kokuqala kwesizini, uthi kusekutsha kakhulu ukuba kungathethwa ngokunika iSundowns indebe. “Andivumi. Ukuba singathetha ngokunikwa kwayo indebe, nabo bangayihleka lo nto. Kufuneka sibasusile phaya phezulu. Asekhona amaqela adlala kakuhle. Kuseso sizathi ndisithi kusekutsha kakhulu ukuba singathi iSundowns seyiziintshatsheli,” utshilo uBaxter.

Kwakukho ithemba lokuphucuka kwezinto eNaturena emva kokubuyela kwakhe eqeleni okwesibini – kodwa incinci kakhulu inkqubela eyenzekileyo nangona iChiefs yatyikitya abadlali ekuqaleni kwesizini. Amakhosi aza kuthembela kubadlali abafana noKeagan Dolly noKhama Billiat kwakhona xa edibana neMaritzburg United emdlalweni ongeCawe ngentsimbi yesihlanu emalanga.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: Golden Arrows vs Orlando Pirates @Princess Magogo Stadium, 15:30; Stellenbosch vs AmaZulu @Danie Craven Stadium, 15:30; Sekhukhune United vs Royal AM @Ellis Park Stadium, 15:30; Baroka vs Chippa United @Peter Mokaba Stadium, 17:00; SuperSport United vs Marumo Gallants @Lucas Moripe Stadium, 17:00; Cape Town City vs Mamelodi Sundowns @Cape Town Stadium, 17:30

Cawe: TS Galaxy vs Swallows @Mbombela Stadium, 15:30; Maritzburg United vs Kaizer Chiefs @Harry Gwala Stadium, 15:30