AmaBhokobhoko aya etshatshalazeni notshaba olukhulu eTwickenham

Umdlali weSpringbok, uBongi Mbonambi evuya emva kokubetha iScotland kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Morgan Treacy/INPHO/Shutterstock/BackpagePix

Iqela lesizwe lombhoxo, AmaBhokobhoko, linethuba elihle lokusonga utyelelo lwaseYurophu ngendlela encomekayo. Oku kulandela umsebenzi omhle eliwenzileyo ngethuba liguqisa phantsi iWales ngo’23-18 (emdlalweni wokugabula izigcawu) neScotland ngo’30-15 emdlalweni obuseMurrayfield kwimpelaveki egqithileyo. Nangona iqela likaSiya Kolisi beluphantsi koxinizelelo emdlalweni ogqithileyo – kodwa liphumelele ekugqibeleni ngenxa kaMakazole Mapimpi olele emgceni amatyeli amabini. Njengokuba AmaBhokobhoko esonga utyelelo lwaseYurophu, kulindeleke ukuba kudlane iintsimbi xa edibana neNgilane emdlalweni wokugqibela eTwickenham ngoMgqibelo. INgilane lutshaba olukhulu loMzantsi Afrika embhoxweni wehlabathi.

Okwenza kubekho uchatha ngoku kukuba amakhwenkwe kaJacques Nienaber athatha indebe yehlabathi emva kokubetha amaNgesi ngonyaka ka-2019, eYokohama, eJapan. Lo nto iyodwa, iza kwenza AmaNgesi aye emdlalweni engonyame kakhulu. Ngaphandle kokubetha iNew Zealand, iWales neScotland emidlalweni elandelelanayo kulo nyaka, kuninzi okuza kudlalelwa nguMzantsi Afrika ngoba ufuna ukuvala unyaka uhleli kwindawo yokuqala kumanqwanqwa ehlabathi. UNienaber uthe uHandre Pollard, uCobus Reinach noLood de Jager ngabanye babadlali abaza kuqala umdlalo eTwickenham. Noxa umdlalo ungeke ubelula – kodwa uMzantsi Afrika uya kuwo uzithembile emva kokubetha amazwe alushica.

“Senze umsebenzi oncomekayo emidlalweni esibethe kuyo iWales neScotland. Okubalulekileyo ngoku kukuqinisekisa ukuba sidlala ngokuzimisela xa sidibana neNgilane. Yiyo lo nto sigqibe kwelokuba senze iinguqu ezintathu qha. AmaNgesi aza kudlala umdlalo owahlukileyo kwegqithileyo,” utshilo uNienaber olindele umdlalo onzima. “Iza kuza kuthi ikelemile iNgilane ngoba isebenzisa abadlali beBritish $Irish Lions. Nangona kunjalo, siya emdlalweni sikhuthazekile kwaye sifuna ukuhlala kwindawo yokuqala ehlabathini. INgilane inabadlali basemva abanamandla – kodwa kwangaxeshanye, iyakwazi ukuya phambili ihlasele. Sinethuba siwenza amalungiselelo. Okwethu kukuqinisekisa ukuba siwulungele kakuhle umdlalo siwasebenzise kakuhle amathuba avelayo emdlalweni wovavanyo ofana nalo siya kuwo,” utshilo umqeqeshi.