UKurt Lentjies ushiyeke ephoxekile emva kokubethwa kweChippa United

UKurt Lentjies ngumqeqeshi weChippa United Football Club obambeleyo. Umfanekiso: Dirk Kotze/BackpagePix

Iqela laseMpuma Koloni liyophisa kwakhona emva kokubethwa emidlalweni emibini ilandelelana. IChippa United ibethwe yiTS Galaxy ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMbombela Stadium ngoLwesibini wale veki. Kanti kwiveki ephelileyo, iChippa ibethelwe ekhaya ngamagowuli amabini kwelinye yiGolden Arrows. Nangona iChippa iqale yabhakuzelisa umnatha eMbombela Stadium ngegowuli elifakwe nguRiaan Hanamub emzuzwini wesihlanu kwisigaba sokuqala somdlalo, iTS Galaxy ibuye ngamandla yayongamela ngamagowuli afakwe nguMthobisi Mngomezulu, uMenzi Ndwandwe noWayde Lekay yatsho yayokuhlala kwindawo yeshumi elinambini.

Yona ngoku iChippa ijingelwa lizembe kwindawo yeshumi elinesine. Ukubethwa kweChippa kubuyisela emva umsebenzi omhle owenziwe nguKurt Lentjies ongene endaweni kaGavin Hunt owanqunyanyiswayo emva kokungaphumeleli kweqela ixesha elide. Kodwa nangona iqela lakhe libethiwe, uLentjies uthe liza kuvuka livuthulule liye phambili. Uyincomile kakhulu indlela abadlale ngayo abadlali bakhe emdlalweni wayizolo elinye nangona bebethiwe. Into ayikhalele kakhulu yindlela usompempe awuphethe ngayo umdlalo.

“Yah, silahlekelwe ngamanqaku amathathu emva kokulawula umdlalo ixesha elide. Ewe, iTS Galaxy ikhe yabuya ngamandla kwisigaba sesibini – kodwa ke sithi abayiyekileyo sinawo amandla okuyoyisa. Zange ndayibona ipenela engacacanga njengale usompempe ayinike iTS Galaxy namhlanje. Andifuni ukukhalazela umsebenzi owenziwa ngoosompempe – kodwa ndimbonile engathathi sigqibo kusiwiswa uRiaan emhlabeni weTS Galaxy. Andimkhalazeli usompempe, qha ndiyabavela abadlali bethu ngoba badlale kakuhle kakhulu emdlalweni. Siza kuvuthulula siye emdlalweni olandelayo,” utshilo uLentjies. Emdlalweni olandelayo, iChippa United iza kundwendwela AmaZulu angaqhubi kakuhle nawo.