Icela izihlangu intombi yaseMonti

UYondela Mxoli ocela amalizo kuye nabani na ukuze kuncedakale umntwana kwaye kuqaqambe nekamva lomntwana. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ngenxa yentsokolo kwanenzima kwenye yeelokishi zaseMonti iReeston, nzima leyo eye ibangele abantwana baphele beyeka ezikolweni, ibangele ukuba uYondela Mxoli oyinzalelwane yale lokishi ingathathi ntweni, aphakame acele amalizo kuluntu ngokuthi lumxhase kwiphulo lokuqokelela izihlangu zabantwana zesikolo.

Uthi uninzi lwabantwana kule lokishi ziintloko kumakhaya abo ezikwaxhomekeke kwimali yesibonelelo sikarhulumente.

UMxoli uthi mali leyo iye iphelele kwinto etyiwayo maxa wambi kwizikweliti ingakhange ide ibe yenza umsebenzi wayo ebantwaneni.

UMxoli, onesidanga kwizifundo zoNxibelelwano saseFort Hare, akaphangeli uhleli ekhaya, uthi kodwa ukubona umntwana esokola uxolela ukuncama kuye empokothweni kuba la nzima uyazi kuye ekukhuleni ngethuba esemncinci eseNkangeleko Primary.

“Ndiyayazi kunjani ukuya esikolweni unganxibanga sihlangu. Okanye unxibe isihlangu esifana sodwa kunezabanye kuba ungenaso esesikolo. Abanye bajongana nomngeni wemali yegranti ephelela kwiingxaki zasendlini ingadanga yabe inceda ubom bomntwana,” utshilo uMxoli.

Uthi iReeston yindawo ezitsalela nje kanzima ekufuneka uzazile wena mntwana ukuba ebomini ufunani na.

UMxoli ucela inkxaso nakubani na onokunceda nokuba zikawusi, ihempe yesikolo okanye izihlangu. Uthi zisene (4) kuphela izihlangu asele eziqokelele njengoko esalindele uncedo kubantu ababethembisile. Uthi akunyanzelekanga zibe zitsha kuba yena umntwana uya kuncumela ukubanesihlangu enyaweni.

“Le ntsokolo ikwabangela abantwana abahluphekileyo ukusuka kuGrade R ukuya kuGrade 12 bayeke phakathi esikolweni kuba bezibona bengafani nabanye abantwana. Ngokwenza oku ndifuna ukunika ithemba, ukukhuthaza kwanokuqaqambisa ikamva labantwana baseReeston.”

Izikolo anqwenela ukuba zixhamle yiNkangeleko Primary, Chumani Primary kwakunye neSophathisana.

Onomdla wokuncedisa kweli khwelo angatsalela I’solezwe lesiXhosa okanye anxulumane noYondela Mxoli kuFacebook.