Zincwadi nootitshala izixhobo zethu ezilalini

ULunathi Qumba,17, wesikolo iMpondombini S.S.S kwilali yaseNyaka kwidolophu yaseMbizana, nongomnye wabaphumelele emagqabini kwiziphumo zikaGrade12, uthi xa uzimisele kwaye usoloko uzinika ithemba entweni akubinamingeni inokuthi ikuphazamise endleleni yakho.

UQumba ebesenza uGrade12 wakhe kwisikolo esisezilalini eMbizana kunyaka ophelileyo, apho abalisa ukuba bekukhe kumke umbane iiveki ezimbini zonke kanye ngexesha lovavanyo lokuphela konyaka. Uthi basuka ezilalini kwaye abanazo izixhobo ncam zokubancedisa njengezi zasedolophini izikolo. Lo mfundi uthi baneenwcadi kwakunye noootitshala kuphela.

“Buninzi ubunzima esiye sadibana nabo. Sisokole kakhulu ngexesha besibhala, umbane ubumka kube nzima ukuba sifunde, silayite amakhandlela esikolweni, senze lo nto ke yokucukana kwindawo enye kuba sifuna eli khandlela sonke. Enye yezinto bilunxibelelwano lwenetwork ebimane imka kube nzima ukungena kumnatha, nanjengoko kule mihla sesifunda ngeintanethi,” utshilo uQumba.

“Besibaninzi egumbini kakhulu, ngoku bekuye kube nzima nokuba utitshala ajongane nawe wedwa angabahoyi abanye abafundi, bekufuneka esijonge sonke kodwa ndikwazile ukufika kule ndawo ndikuyo namhlanje.”

Uthi kubunzima ebebekufumana esikolweni sakhe ebeye azixelele ukuba nabanye bapasa kwesi sikolo.

Uthi nakumba weCovid-19 njengokuba bekusithiwa makuqelelelwane, kubo bekunzima ukuba yenzeke loo nto kuba bekungabikho mbane kufuneke becukene.

UQumba uthathiwe kwiyunivesithi yaseKapa nakwiyunivesithi yaseWits apho azokwenza khona izifundo zobugqirha. Uphumelele kanje: Physics 100% Maths 100,% LO 90% Agriculture 97%, English 85% isiXhosa 80%.

UMbono Mihla ,17, obefunda kwesinye sezikolo ezidume ngokupaselwa iSt James S.S.S esisedolophini eCofimvaba, naye nopase emagqabini, uthi oko waqala kwesi sikolo wayezixelele ukuba ufuna ukwenza imbali ngelakhe igama afane nabanye abasele baphuma phambili. Abanye esincokole nabo nguMakhosi Lungisa,16, wesikolo iDumezweni S.S.S, uBrummer Frances weCollegiate Girls High School kwakunye noLaai’qah Bedford.

UMphathiswa wezeMfundo uFundile Gade uyincomile impumelelo kaGrade 12 ka2021. Ezi ziphumo ziphucuke kakhulu xa zithelekiswa neminye iminyaka. Ezika2021 ziku73% zisuka ku68% ku2020. UGade ukwadize ukuba zizifundo zezibalo kwakunye nezenzululwazi eziphunyelelwe emagqabini kulo nyaka. Uncome zonke izithili zeli phondo, esithi akukho esenze kakubi, zonke ziphucukile, watsho eqhwabela izandla isithili saseMonti esinqkenkqeza phambili kunezinye, kulandele iGqeberha kwakunye nezikolo eziphantsi kweAmathole.

UMpendulo Ndzoyiya obe ngoyena umele eli phondo kuzwelonke akakhange abekho ngolu suku eMonti nanjengoko ebeshiywe yinqwelontaka. Wamkelwe kowabo eMthatha ngabafundi, ootitshala, utata wakhe kwakunye neeNkosi.