I’solezwe lifike eyokucela ukutya umama osokolayo

Iphephandaba I’ solezwe lesiXhosa lixelelwe ngemeko embi yomama okwaziyo ukulala esele amanzi aneswekile noonyana bakhe kwakunye nabazukulwana bakhe kuba kungekho le yokutya etafileni ngenxa yokutsala nzima kwakhe. Kwanemeko yendlu abahlala kuyo nothi usangena emnyango ube ubona phandle ithwaxwa ziimvula. Ngethuba I’solezwe lityelela kweli khaya lakwaShotana, KwaNontshinga kuCentane, lifike lo mama,

UNomakhwezi Shotana ebonisa ngemeko yekhaya lakhe, Umfanekiso: BHEKI RADEBE
Imbi imeko yekhaya likaNomakhwezi Shatana,nalapho imingxunywa esedongeni ivalwe ngeempahlazokunxiba ezindala, Umfanekiso: BHEKI RADEBE
UNomakhwezi Shotana ebonisa ngemeko yekhaya lakhe nalapho imingxunywa esedongeni ivalwe ngeempahlazokunxiba ezindala, Umfanekiso: BHEKI RADEBE
UNomakhwezi Shotana emi phambi komzi wakhe kwilali kwaNontshinga kuCentane Umfanekiso: BHEKI RADEBE

uNokhwezi Shotana (59) ekwenye ilali ohamba iyure yonke ngeenyawo eyokufuna ukutya, esebenzela ukuba abantwana kwakunye nabazukulwana bakhe babuye esikolweni benento yokutya. Ukumfumana kwethu uNokhwezi ekugqibeleni sizula uNontshinga, sambhaqa kumzi ahlobene nawo esazokuphinda ajike enye iyure ethwele isiqhuma sokutya asiphiweyo ukugoduka ayokuphekela abazukulwana bakhe.

UNokhwezi uthi elalini yakhe sele esaziwa ngokucela, uyabaphumza, kungoko eye wancama wawela imilambo namahlathi esoyika enjalo kuba esithi ufuna akhe atshintshe, kudala ebaphindaphinda ecela. Uthi kwinyanga kaJanyuwari khange bakuthenge ukutya kuba imali ebithunyelwe yintombi yakhe esebenza emakhitshini eMonti uyincamile wathenga ubhaka wokufaka iincwadi kwakunye nezihlangu zesikolo zonyana wakhe wokugqibela owenza uGrade 9. Uthi abazukulwana bakhe abathathu akakabagqibi bonke ngempahla zesikolo, bagqibe ekubeni baqale ngalo uya kumabanga aphezulu.

UNokhwezi, nowabhujelwa ngumyeni iminyaka engapha kwamashumi amabini, nayo athi yayingaphangeli oko babetsala nzima, uthi sekufana nokuba yinto ayidalelweyo inzima. Abantwana babo babe sibhozo ze abathathu abadala babhubha, nabashiye ngasemva aba bazukulwana bathathu bahlala noNokhwezi nabangekafumani mali yesibonelelo (Foster Care Grant ) ngenxa yokucotha kwenkqubo yooNontlalontle.

Abanye oonyana bakhe uhlala nabo nabalala emizini, bavuke bazokukhedama kowabo ekuseni ngenxa yokungabikho kwento yokuphunga. Unobangela wokuba balale emizini aba kukungabikho kwendawo apha kwindlu kaNokhwezi kuba yifleti enye. Yayikade inamagumbi amabini, elinye lawa nekubaselwa kulo umlilo xa kuphekwayo, kwashiyeka elingcono eli balala kulo.

UNokhwezi uthi xa kunetha uqundana nabazukulwana bakhe ebhedini, baxwese kuba abanokwenela bebonke. Uthi phantsi kube kugcwele iibhafu nezitya ezikhongozele imvula kuba indlu iyanetha ngaphezulu. Uthi xa kuzolile bayehla abanye balale phantsi. Le ndlu ke yakhiwe ngemithi yahlohlwa udaka. Ezinye zeendawo apha edongeni zivalwe ngempahla kuba uthi bayoyika ukukrotywa kwaye umoya nemvula ziyangena.

“Ndibona nje kusisa mna andisenaxesha lantsuku. Ndizibona nje ndingenaso nesigulo soxinzelelo kuba sendanikezela, ndazixelela ukuba intlupheko inokuba yinto endiyizeleyo kulo umhlaba. Kaloku xa ungazi mntu kwaye ungenanto sokuze kube lula ukuhoyeka. Ndikhe ndizibuze ukuba aba bafumana uncedo inokuba babonwe njani, baziwe njani? Ndiyabulela ukuza kwenu, andazi neloo phephandaba, andazi nelinye kuba ndingenayo newayilese nomabonakude,’’ watsho ebiza iintatheli ngokuba zingurhulumente.

Uthi kunzima nokuba oonyana bakhe baqeshwe xa kuqeshwa ezindleleni kuba akazi nokuba kwenziwa njani. UNokhwezi uphila ngokupha (ukukha) ingca ayithengise kubantu abazokwakha, uthi isiqhuma siba yiR500. Aphinde ancedwe nakukuhlakulela abantu iigadi nokubavasela iimpahla.

USiphelo (21) omnye woonyana bakaNokhwezi uyibalise yabuhlungu intlungu yabo. Uthi ngekunzima mpela ukuba ebengekho udade wabo obancedayo osemakhitshini eMonti.

“Kwaba batshana bam bathathu balapha endlini, mnye opeyayo, ababini abanamama abakapeyi, sisalinde oonontlalontle. Nomama uza kuqala apha kuMeyi kulo nyaka ukupeya, ndicinga kwakutsho kube ngcono kakhulu.”

USiphelo noNokhwezi bebesithi baza kuya ehlathini ukuyokugawula, bazokwazi ukuhlohla icala lendlu evuzayo.

Olu sapho lutsala nzima lubongoza nabani na onokuthi olule isandla kulo. Abazukulwana baphakathi kweminyaka 9,10,11 kwakunye nonyana wakhe oseHigh School ona17.

Amasebe karhulumente abandakanyekayo kweli bali ebengekaphefumli kwimbalelwano ngeenzame zokuncedisa usapho lakwaShotana.